UHolomisa wamkele amalungu eCope eMbhashe

Umbutho iUnited Democratic Movement eMbhashe eDutywa izolo wamkele amalungu asixhenxe akreqe kwiqela leCope, nathi ahambe kuba engoneliseki ziinkqubo zeli qela.

La malangu amkelwe ngezandla ezishushu nguMongameli walo mbutho uNjengengele Bantu Holomisa kwiholo yedolophu yaseDutywa.

Phakathi kwamalungu akreqele kwiCope, nguNkosinathi Ndlodaka obenguceba weli qela kwibhunga likamasipala waseMbhashe, Andile Dyani, Monde Sofute, Vuyo Peter, Mziwonke Sipunzi, Asemahle Mashece , bona bebengabagqatswa balo mbutho kolu lonyulo luzayo, ibengu- Lizwe Nyembezi otyhola ngokukhiqwa ngondlela mnyama kuluhlu labagqatswa.

Ethetha uNdlodaka emva kokuba bamkelwe ngumbutho weUDM, uthe “Ngaphambi kokuba bathathe isigqibo sokuba bashiye kwiCope baqale bahlala phantsi bazikisisa ukucinga, kwaye bakrweca neenkosi, nazo zavumelana nabo xa besithi bazakuzimanya neqela lika- Njengele Bantu Holomisa”.

UNdlodaka uthi bathe bakubona ukuba izinto azintlanga kwiqela leCope baqonda ukuba ikhona i-UDM abanokukrqela kuyo kwaye uthi abanye babo bashiye izinkhundla ebebenazo ngenxa yokuba befuna ukuzimanya noNjengele.

Nakubeni besixhenxe abamkelweyo ngumbutho weUDM, kodwa uNdlodaka uthi bahambe nehlokondiba labantu kwiCope belandela bona.

Kutsha nje eli phephandaba belipapashe inqaku apho uLizwe Nyembezi ebanga ngelithi usetyenziswe yiCope yakugqiba yamkhupha kuluhlu labagqatswa balo mbutho ngondlela mnyama.

UMongameli we-UDM uBantu Holomisa uthi unethemba lokuba inkulu indima ezakudlalwa ngala malungu asuka kwiCope kwaye uwanike umsebenzi efika nje.

“Njengokuba nizimanye nalo mbutho, hambani ke ngoku niyokuxelela abantu ukuba lo mbutho uzakubasebenzela xa bevotele wona,” utshilo uNjengele.

Uthe umbutho olawulayo urhuqa iinyawo ekuhambiseni inkonzo kwaye uthi ngexesha lakhe wayephethe amathuba emisebenzi kwaye abantu babeqeshelwa kulo ndawo bakuyo.

Ubongoze la malungu ukuba asebenzise la mava anawo ukukhulisa umbutho we-UDM.