Inkokheli yombutho omkhulu ophikisayo eNamibia, i-Independent Patriots for Change, uPanduleni Itula, uthi akanakuzamkela iziphumo zolonyulo ezilandela unyulo ebelisandula kuqhubeka kwela lizwe.
Unyulo lwaseNamibia luqale ngoLwesithathu weveki ephelileyo, de kwangoMgqibelo umhla wamashumi amathathu, kodwa akukacaci nto ngeziphumo.
Ezi ziingxaki eziqhelekileyo kumazwe aseAfrika ukusukela oko kwathi kwaphatha imibutho eyalwela inkululeko.
UItula ebejonge ukuyisusa neengcambu esihlalweni iSouth West African People’s Organisation (SWAPO) nephethe ela lizwe ukusukela ngonyaka ka1990.
Kukho iingxelo zokuba olu lonyulo belambethwe ziingxaki eziquka ukuvulwa kade kwamaziko, ukunqongophala kwezixhobo zokusebenza nokuvalwa kwamaziko emva kwexesha elisemthethweni.
I-SWAPO ibincwase ukuba ilungu layo uNetumbo Nandi-Ndaitwah abenguMongameli wokuqala olinina eNamibia.
Amazwe akumazantsi weAfrika aguntyungelwe ziinguqu ezenza ukuba kulawule amaqela amatsha okanye kulawulwe ngendibanisela yemibutho emininzi.
“Asinakuze sizamkele iziphumo zolu lonyulo phantsi kwazo naziphi na iimeko, asinakuyenza loo nto samkele iziphumo zonyulo oluqhutywe ngendlela engekho mthethweni ngolu hlobo,” ugadlele watsho uItula.
Umbutho kaItula i-Independent Patriots for Change uthi uza kubhenela ezinkundleni ukuzama ukuvakalisa ukunganeliseki kwawo yindlela eziqhube ngayo ezi ziphumo.
Iziphumo zokuqala zibonisa ukuba uItula ufumene amashumi amathathu eepesenti zevoti, logama uNandi-Ndaitwah efumene ngaphezulu kwamashumi amane eepesenti zevoti.
I-SWAPO isengxakini efana neAfrican National Congress (ANC), iFrente de Libertacao Mocambique (Frelimo) yaseMozambique kwakunye neBotswana Democratic Party (BDP) yaseBotswana ngokungamkelwa ngabantu bebonisa ukunganeliseki lulawulo olugwenxa.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!