Ethetha kumcimbi wesidlo seminyaka emihlanu sokusekwe kwePan African Bar Association of South Africa (PABASA), uJaji Mandisa Maya uthi uxhalabile ngumcimbi weelwimi ezinkundleni zeli.
UMaya uthi ubunganga besiNgesi kwiinkundla zeli kubangela ukuba ubulungisa bungahambi ngendlela ekumele ukuba buhamba ngayo.
Lo mcimbi ubuzinyaswe zizangxa kwezomthetho kweli eziquka uThembi Simelane onguMphathiswa wezobulungisa kweli.
IJaji eyongamele eRhawutini, uJaji Dunstan Mlambo, naye ebeyinxalenye yalo mcimbi wamagqwetha aphambili kweli.
“Inkxalabo yam yokuqala ukumcimbi wenguqulelo eyenziwa ezinkundleni ukusuka kulwimi lwesiNgesi ukuya kwiilwimi zesintu, oku kusenziwa ngabantu abangathethi isiNgesi njengolwimi lwabo,” ucacise watsho uMaya.
Uthi ezi toliki zisebenza nzima ukwenza lo msebenzi de zifakele izinto ezingekhoyo, logama bekwabuza imibuzo engabuzwanga nguMantyi okanye iJaji.
“Konke kubangela ukuba kuthathwe izigqibo ezingachanekanga ngenxa yokusetyenziswa kwesiNgesi kuyo yonke into, oku kuchaphazela izigwebo nezinye ke izigqibo ezithathwa ezinkundleni,” kutsho uMaya.
Uhambisa athi abamangali nabamangalelwa bajika babengamaxhoba emeko ebangelwa kukusetyenziswa kolwimi lwesiNgesi ezinkundleni zeli. IsiNgesi nesiLatini zezinye zeelwimi ezihamba phambili kwinkqubo yezomthetho nobulungisa kweli loMzantsi Afrika.
UJaji Maya uthethe okokuqala esidlangalaleni emva kokuba wathi wangena njengeJaji eyintloko ngenyanga yoMsintsi. UDali Mpofu ubengomnye wezithethi eziphambili kulo mcimbi nalapho amemelele ukuba urhulumente axhobise amagqwetha antsundu ngezakhono ezifanelekileyo.
Iinkundla zeli zisebenzisa ulwimi lwesiNgesi nokuba abo bachaphazeleka kwityala bathetha isiXhosa.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika