Ujik’ uyibambe drayiva

UMzantsi Afrika lelinye lamazwe elinabemi abasebenzisa itaxi umhla nezolo. Nam ndisebenzisa yona. Zininzi izinto endizivayo nendizibonayo xa ndikhwele itaxi.

Kumaxesha amaninzi abantu xa bekhwela itaxi, bahlala kuso nasiphi na isitulo esifumanekayo.

Ngaphandle kokuba umntu uphethe umntwana, umthwalo unokukhubazeka okuthile okanye ngumntu omdala, apho ke baye banikwe ezi zitulo zisemva komqhubi ngoba zona zithe qelele kunezinye. Abantu abade, abafana nam, bayathanda ukuba ntshingintshingi malunga nendawo abafuna ukuhlala kuyo kwitaxi.

Isitulo esingasemva okanye iBack Seat yeyona ndawo bangafuni nokuyibona, ngoba akuhlaleki kakuhle kuyo ngoba izitulo eziphambi kwakho zisondele, kwaye amadolo akho ayavaleleka.

Ezinye itaxi zifakele izipika phantsi kwezitulo zitsho ngezitulo eziphezulu ufike xa sikwindawo ezinezigingqi simane ukubetheka ngentloko apha kuphahla lwetaxi. Yenye yezinto ezihlekisyo ke le kwitaxi, qha uhleke ungabonwa.

Xa uphinda ukhwela itaxi kufuneka ujonge umntu omde xa ekhwela kwitaxi kushiyeke isitulo ngasemva, kufuneka umjonge apha ebusweni.

Uye ame abhekabheke xa engasiboni isitulo, uyazincama ayokuhlala ngasemva.

Esinye isitulo esingafunwayo ngabantu sesi singaphambili. Ziyashiyana ke ngamanye amaxesha iba sisitulo esinye okanye zibe zibini, ixhomekeka kwitaxi leyo. Abantu abasithandi esi situlo, ingakumbi xa isesi sinye, ngoba xa uhleli kuso kuyanyanzeleka ukuba ubale imali.

Abanye baxolele ukulinda itaxi elandelayo kunokukhwela ngaphambili. Andibasoli nam abantu ababalekayo ukukhwela ngaphambili babale imali…’iTaxi maths’ ayiyondlwan’iyanetha.

Ikubhida uzibone ufowunela itshomi kuba ufuna ukucholachola uqokelele isidima sakho esishiyekileyo. Mna ndazibona ndifowunela itshomi yam ndibuza ukuba “usakhumbula la nto yenzekayo ngokuya sasisiya eRhodes siyokubhala iimviwo ze-Accounting neMaths? Iphinde yenzeka ke” ufuna bayazi ukuba nokuba uxakiwe kukutshintsha imali zabo kodwa ufundile.

Nokuba ufunde amawaka amangaphi into yokutshintsha ooR7,50 nooR9,50 abaninzi ngexesha elincinci iyaqhwanyazisa. Kubakho nezi taxi zinexabiso elingafaniyo kodwa nikhwele itaxi enye, ufike ezinye ixabiso iyiR8,70…njani ?

Akhonto ihlekisa kwitaxi njengokunika umntu ongaphambili imali, ixabiso letaxi yiR8,00, aphinde akubuze “bangaphi ?”. Eyona nto indicubhulayo kwiTaxi yimibhalo ebhaliweyo efana nale ilandelayo

“Biza iStop sakho ngegama, * -Enkosi driver akachazi stop”, “Ngekungcono ukuba IHIV beniyoyika ngale ndlela noyika ngayo ibackseat”, “ukundazi akuthethi ukuba mawungabhatali”, “sanubhatala ngeR50,R100,R200 ekuseni”

Ngaphandle kwale mibhalo eyona nto ikhubekisayo kwiTaxi ngabantu abadelela bonke abantu kwitaxi umntu aqine isibindi atye . Usithathaphi isibindi sokunukisela itaxi yonke ngoonkqiyoyo nentlanzi ?.

Uthi usajonge leyo kubekho abaqhubi betaxi abangafuni kuthiwe ‘driver’ xa bebizwa. Uthi usathi “undibambele eMthini driver”, akuphendule ngeligwexayo ukuba akangodriver yena.

Ndimangale xa kulapho ke mna, andithi ungene akabulisa akasichazela igama lakhe, ngoku ufuna sithini ? akapheleli ekuphoxeni uyaqhubekeka akubuze “ukhe wandiva ndikubiza ngomsebenzi wakho wena ?”. Abakhweli baye bangayimamelisisi ke leyo into.

Umama ebehleli ecaleni kwam uye wathi “Undibambele ekoneni driver”, waphendula naye wathi “Okay nokhitshi”. Zizinto ezincinci ezifana nezo ezenza kube mnandi ukukhwela itaxi. Akhona namaxesha apho kungabi mnandi ukukhwela itaxi. Xa kushota imali akubi mnandi. Umqhubi uyayimisa itaxi okanye ajike, akukhathaliseki nokuba nishiywa lixesha kangakanani na.

Kunzima nokuncokola…ngesiNgesi. Ukuthetha isiNgesi kwitaxi ibangathi wenza elona tyala lakhe lalikhulu. Abantu bangazixolela zonke izinto, ungatya, ungathukisa (nangona iluphawu lokungabinambeko elo) kwitaxi abantu bangabinangxaki…ukuthetha isiNgesi, ingakumbi xa uneTwang.

Eyokugqibela into endikruqulayo kwitaxi ngabantu abanemizimba emikhulu.

Bayasokolisa abo bantu, kwaye basinika ingxaki thina bantu banemizimba emincinci, bayalibala ukuba eyona ngxaki ngabo. Kumane kusithiwa “ulicala sani khawutyhudise pha ebackseat”. Ufike ucudiselwe nekona okungathi wena ukhwele ngemali eshotayo.

Ndizakuza necebo lokuba makuyekwe ukukhwela ngemali ngoku, ngoko ke makusetyenziswe isikali. Athi umntu otyebileyo xa eza- kukhwela esabuza “yimalini ukuya edolophini?” , ajongwe ize impendulo ilandele “Iza kuxhomekeka esikalini”.

Kumnandi kwitaxi, ingakumbi ezinabaqhubi abaqhuba ngobunono bengasingxoleli ngomculo. Andithethi ngaba bacinga ukuba xa ungunoTaxi kunyanzelekile ubekrwada ungabinandlela yakuthetha nabakhweli.

Umntu aqhube ngendlela engenankathalo kuba ecinga ukuba indlela yenzelwe itaxi zodwa.