Ujikwe wangumngqungqo umngcwabo womseki weSlo Foot

Ibingumngqungqo onyanzelisa ukuba udyushe ngethuba kungcwatywa umseki weqela lomngqungqo iSlo Foot King Brothers, uSamuel Tshiyembe. 


UTshiyembe (86) ukhatshwe ngesidima nesithozela esifanele umntu okhonze ilizwe engajonganga nzuzo kwinkonzo ebibanjelwe kufuphi nomzi wakhe eZwelitsha eQonce ngoMgqibelo. 

Umngcwabo wakhe, obuzinyaswe nguMphathiswa wezemidlalo, ulonwabo, ubugcisa nenkcubeko uPemmy Majodina, ubufuziselwe ngekonsathi – into echaza ngqo into ebiphilwa ngutat’ uTshiyembe.

 

Isithethi emva kwesinye sithethe into enye, eyokuba uTshiyembe wasungula iSlo Foot kuba efuna ukonwabisa uluntu.

 

“Ebengumonwabisi, kodwa ekwenza oko engajonganga kugqama okanye kuzuza bunganga. Noxa nje utata esweleke engesosigwili, into esiyaziyo usweleke intliziyo yakhe ixolile kakhulu ngenxa yomsebenzi awenzileyo,” kutsho uMark Mandita, oligosa lezonxibelelwano kwiSlo Foot, ngethuba ethetha eqongeni kulo mngcwabo.

 

UTshiyembe wayeneminyaka engamashumi amabini anesibini ngonyaka ka1953 ngethuba yena noAdonijah Magalela, Alton Mpisi, David Mahlulo noPhilemon Jaceni besungula iSlo Foot eZwelitsha, eQonce, ngenjongo yokonwabisa uluntu bengajonganga nzuzo.

 

Kule minyaka ingaphaya kwamashumi amathandathu sitshila iSlo Foot, sikhuphe amacwecwe amathathu kuphela, nto leyo ekhombisa ukuba eli qela beligxile ekonwabiseni abantu kwiindawo abakuzo, hayi ekushicileleni umculo.

 

Ezona ndawo eli qela belixhaphake kuzo ziquka ukonwabisa emitshatweni, emiguyweni, emigidini nasemathekweni. Ngoku iSlo Foot sinamalungu alishumi elinesine, kwaye sibizwa njengeSlo Foot Jazz Band ngenxa yokuba sinamalungu angamakhosikazi.