UJulius Malema akanokubuyela kwiANC

Uyayazi ukuba umntu xa ephethwe yimincili uyakwazi ukubhuda athethe apha naphaya, okanye athethe izinto ezingamelanga ukuba ziyathethwa.

Kule mpelaveki siphuma kuyo iqaqobana leenkokeli zombutho olawulayo zihlabe ikhwelo lokuba uJulius Malema, noyinkokeli yombutho iEFF, makabuyele kwiANC. Enye kwezi nkokeli ide yatyatyadula yathi iANC yenza eyona mpazamo inkulu ngokuthi inike uMalema uphum’aphele kula mbutho, yalebela ngelithi la mbutho uyabudinga ubunkokheli obufana nobakhe.

Indihlekisile ke le ntetho, qhubekeka ufunda wena uzakude uyibone ukuba yeyiphi le ndawo ihlekisayo apha.

Iinkokheli zeANC ezihlabe eli khwelo kule mpelaveki igqithileyo ziquka utata uDavid Mabuza, nongusekela mongameli kulo mbutho; utata uFikile Mbalula oyintloko yokukhankasela unyulo luka2019, igqala lomzabalazo umama uWinnie Mandela, kwakunye nomongameli walo utata uCyril Ramaphosa.

Ude ke lo kaMabuza wasolula esi simemo nakutata uBantu Holomisa, ongumseki nenkokheli yeUDM, esithi naye makabuyele ekhaya. Tyhini Nkosi enofefe!

Yimbudane yentshwaqane yantoni le? Okanye banesifo solibalo? Nithi azithi dadobawo na kubo? Balibele ukuba uHolomisa noMalema abazihambelanga kwiANC, bagxothwa?

Mhlawumbi nawe, mhlobo wam walibala, mandikukhumbuze ngamagqabantshintshi okukhatywa ngezantsi kwaba bafo ngulo mbutho.

Masikhe siqale ngotata uHolomisa, lo tata wanikwa uphuma aphele kwiANC ngonyaka ka1996 ngomhla wokugqibela wenyanga yoMsintsi.

Xa sasibukele ke thina sisiva nakoonondaba, lo kaHolomisa wagxothwa kuba wadela iANC ngokuthi ayokunikezela ubungqina kwiKomishoni yeNyani noXolelwaniso (TRC) ngaphandle kwemvume yalo mbutho kwaye edyobha omnye wabaphathiswa wawo umama uStella Sigcau.

Uyayazi ke ukuba ukuthetha kuzala okunye, yaba sisiqalo ke eso samabibi aliqela avela ngomlomo walo kaHolomisa angeenkokheli zalo mbutho.

Mamela ke ndikuhlebele, lo mbutho uthi ufuna uHolomisa abuyele kuwo emva kweminyaka engaka bamgxothayo usenaso isibhalo esihloko sawo sithi, ‘The Rise and Fall of Bantu Holomisa’ kwi-website yawo * -www.anc.org.za nesidyobha utata uHolomisa njengempimpi yokuqala neyokugqibela yorhulumente wengcinezelo. Batheni ke ngoku? Balibele?

Andifuni nokuthetha ke ngoJulius Malema ngokuba elakhe inxeba liselitsha ezingqondweni zethu, noko u2012 asiyonto ikude kakhulu. Sele nje ooDavid Mabuza bebona nje ukuba uJulius Malema kulunge kanye ukuba abengaphakathi kweANC kusuke kwathini?

Mna ke andizithembi ncam nezinto ezenziwa esidlangalaleni, oku ingathi kwenziwa isigqezu ngaba bahlekazi babini.

Ukuba ezi nkokheli zeANC bezinyanisekile xa zithetha le nto ngezibabizele kwintlanganiso esekhusini zobunkokheli kuboniswane, hayi lo mboniso-bhanya bhanya basenzele wona.

Ndinayo nje into ethi kudlalwa ngathi apha, lo mbutho uzama ukugaya iivoti ngokudlala imidlalo engenancasa nambukeko.

Khona sekubizwa ooMalema nje nooHolomisa alikho na ihlumelo lokukhokela kwiANC?

Ukuba bendililungu lalo mbutho bendiza kukhubeka kakhulu kuba kucacile esam isakhono sokukhokela asibonelwa ntweni kusacengwana nabantu abagxothwa kudala nje ukuba babuye.

Hayini maan, khanimeni ngomasibuyelane, ubomi buyaqhubeka. Zakugagana kunyulo luka2019 izidala ezo, akubuywa ngamva ngoku.