UJuvus uvuyela ukucula nosaziwayo

Myezi Wonke

Osele eyindumasi ngokuba yimbongi ebonga ngesiXhosa kwiphondo lakwaZulu Natal, uMwezi Yokwe obizwa ngelikaJuvus eqongeni, uthi uyazingca ngokuba ethe wenza ingoma kwakunye nosaziwayo kweli loMzantsi Afrika kumculo weGospile uSgwili Zuma. UJuvus (22) uzalwa kweliphondo kwilali iMambalwini eMount Frere.

Kwela phondo waziwa kakhulu ngombongo wakhe adume kakhulu ngawo xa eseqongeni othi “Camagu”.

Emva kokuba ethe wemka kowabo esiya kwelaphondo ngo-2008 eyokuqala amabanga akhe aphezulu eKharina Secondary School kulapho italente yakhe iqale khona ukuphuhla.

“Uthando lwam lokubhala kwanokubonga luqale kanye kulanyaka. Ndiye ndamane ndizimasa inkqubo ebeziye ziqhube kula mmandla zeembongi, ababhali kwakunye neemvumi zeHip hop,”utshilo uJuvus

Eli gatyana lisandakufumana ikhaya kwiIthina Productions Pty Ltd apho ancediswa khona ngokuvelisa umsebenzi wakhe. Ilikhaya kwabo bangosaziwayo kumculo nabasele befumene namawonga abafana noSgwili,Thina Zungu kwakunye nabanye.

“Ukucula nabantu abafana noSgwili yinto enkulu kum. Kubonisa ukuba italente ndinayo. Kule ngoma silwana nokuphathwa kakubi kwabantu abazi-Albino,”woleke ngelo uJuvus.

Iindaba ezincumisayo ngoJuvus kulo nyaka, uchongwe lisebe lezobugcisa kwakunye nenkcubeko KwaZulu Natal ukuba ajikeleze ela phondo kwakunye neendawo ezithile eMpuma-Koloni. Injongo kukuba ahambe efundisa abantwana ezikolweni, amabanjwa entolongweni, kwa nakumaziko athile asekuhlaleni.

Ukanti kwiminyaka edlulileyo, ngethuba wayesengumfundi uJuvus, waphumelela ukhuphiswano lweembongi zala mmandla olubizwa ngokuba yiRap competion. Imibongo yakhe imalunga nezinto eziqhubeka kule mihla sikuyo ezijongene nolutsha.

Ingoma yakhe noSgwili iyafumaneka kuOnline ethi “Senzeni.”