Ukafile omhlophe

Ndike ndawudalanca ke lo mba wobukafile, ndisithi nabani na anganguye ukafile xa siyisebenzisa kakuhle intsingiselo yeli gama. Ngeli lixa ke ndacacisa ndenjenje; “Igama elithi ‘kafile’ ligama lesi-Arabhu elithetha umntu owala inkolo yoBusilamsi emva kokuyifundiswa.

Kuma-Arabhu ungukafile ukuba akuyamkeli imfundiso yawo emisa * -Ala noMohamadi wawo athi kumelwe kunqulwa yena.

Oku akunamkhethe wabala!” (Isolezwe lesiXhosa. 20 Dwarha 2016). Ndanaba ke ndilanda imbali yokuba sizuzene njani na negama lokuba singookafile thina zintlanga zingengomaBhulu namaLawu ndenjenje: “kube yintswela-ngqiqo nengqondo ephuthileyo yamaBhulu engcinezelo ngobuhlanga athi eli gama alikhupha enkolweni alibeka kwabantsundu.”

Ndathi obu butyhifili budale ukuba sithi sakube sifumene inkululeko kuthiwe eli gama lisisithuko kwabantsundu, kusongezwa kubudenge babombuso woontamolukhuni.

Unanamhla oku, kwakukhwazwa igama elithi kafile iba ngumntu ontsundu othukelayo. Kuleyo nkcaza yam ke ndaququmbela ngelithi “ukuba sibuyela kwintsingiselo yemveli yeli gama, nabani na anganguye ukafile, kubandakanya namaBhulu lawo nakakade.

Kunjalo nje, ngokwemveli yeli gama, akhona amaBhulu angookafile (izinto ezingakholelwayo kubukho bukaThixo/Qamata). Nditsho ndinyanisile ke, ukuthi akhona amaBhulu angookafile! Angaphika ophikayo.”

Kweli ke ityeli ndisuswa yijaji yenkundla endifunde kwiphephandaba ukuba ithethe kwaubutyhifili obukwanjengobo ndabubangula kwiminyaka emibini edlulileyo, xa ibiphawula kwityala lomlungu omangalele ukubizwa ngokafile ngamapolisa ebemncina.

Lo mlungu kuthiwa umangalele amapolisa ngokumbiza ngokuba ngukafile waselwandle. Ipolisa elimangalelweyo ke likhanyele, lisithi enokuba lilisebenzisile na igama elithi kafile belingatsho kuye kwaye alinantsingiselo emlungwini [njengoko engenambali imkhomba kulo]. Eshe-e!

Ijaji ke kuthiwa iphawule yathi ukubiza umlungu ngokafile kusisithuko esingaphezu kwaxa kusitshiwo emntwini ontsundu. Yintetha yobuhiba ke leyo, inangakumbi ukuba iphume emntwini onjengejaji nekulindeleke ukuba ibe ngumntu ochubekileyo, nangani kungekho nzwana ingenasiphako.

Intetha yale jaji ndingayiphicotha ngelokuba kukugalela ityuwa enxebeni ngokusingise kutenxiso lweli gama. Isibuyisela umva ngendlela engummangaliso endaweni yokusibeka kwindawo esifaneleyo siluluntu oluntsundu.

Le ntetha ithetha ukuba kungcono ukuthi kafile emntwini ontsundu kunokutsho emlungwini, ngoba umntu ontsundu yena unguye ukafile. Itsho le ndedeba zinkosi!

Ithi asithukwa thina xa kusithiwa kafile kuthi, kuba singookafile kakade. Ithi ngabamhlophe abathukwayo, kuba babizwa ngento abangeyiyo. Ndaza ndakuva zwindini!

Mandiliphinde ke endalithethayo kowama2016 kweyeDwarha elokuba xa silisebenzisa ngokufanelekileyo eli gama, singabhanxi, nabani na anganguye ukafile ngokwesiArabhu apho livela khona.

Nabani na ongamamkeliyo uThixo wama-Arabhu akuba emfundisile ngaye ngukafile kuma-Arabhu. Ukuba ke uthatha kwaeli gama linye nentsingiselo yalo ulizise kweyakho inkolo engamkelwayo ngabathile, abo bantu bangamamkeliyo uThixo wakho wakube ubafundisile ngaye ngookafile kuwe. Bangookafile kuwe nakwabakholwa ngokufanayo nawe, hayi kumntu wonke. Ngako oko akukho mntu ungukafile kubantu bonke, kungekho mntu ungengokafile kumntu wonke, kubandakanya nabelungu nezinye iintlanga.

Xa usithi kafile kum, ube usezingqondweni unganxilanga yiwayini ephithikeziweyo, uthi andimamkeli uThixo wakho. Ukuba ke ngenene andimamkeli uThixo wakho, ndinguye ukafile kuwe.

Ukuba ke ndingukafile kuwe, nawe ungukafile kum kuba ungamamkeli nowam uThixo. Ukutsho oko ukuba asinquli Thixweni mnye singookafile omnye komnye, ngokwesiArabhu ke.

Zingahlala ke izityhifili ezifuna ukuhlala kwingqiqo ephuthileyo yokuba ukafile ngumntu ontsundu. Mna ndaphuma kwisilaza seentsipho ezinjalo. Goba msenge iibhokhwe zikutye.

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.