Umhla wesihlanu kule nyanga lusuku apho abantu baseMelika bazakufumana ithuba lokonyula uMongameli omtsha wela lizwe.
Mibini imibutho ejijisana kolu lonyulo, iDemocratic Party emelwe nguKamala Harris kwakunye neRepublican Party emelwe nguDonald Trump.
Umcimbi wemfazwe phakathi kukaSirayeli nePalestina uza kusetyenziswa ngabavoti ukuzama ukufumana isisombululo ngokuvotela lowo uthembisa isisombululo.
“Xa ndinokungena njengoMongameli waseMelika ndingayiphelisa imfazwe yaseGaza,” uthembise watsho uHarris. Ukanti kwelinye icala, uTrump yena uthi uza kuyiphelisa imfazwe ephakathi kweUkraine kwakunye nelizwe laseRashiya.
Oku kubonisa ukuba ngenene unyulo lwaseMelika linefuthe elibanzi kwintlalo yoluntu lwehlabathi. Abavoti baseMelika bahlukene kubini – abanye bexhasa uSirayeli kwimfazwe nePalestina, logama abanye bexhasa iRashiya kwimfazwe neUkraine.
Kukho umahluko omncinci kumanani phakathi kwesi sibini ngokophando olwenziwe ziinkampani ezenza uvavanyo lonyulo. Oku kuthetha ukuba ngenene lushushu ukhuphiswano phakathi kweqela leDemocratic Party kwakunye neRepublican Party.
UHarris ugqibe imini yomhla wesine kule nyanga ejikeleza kwingingqi yasePennsylvania, logama uTrump yena ebejikeleza eNorth Carolina naseMichigan. UHarris usebenza njengoSekela Mongameli wela lizwe esekela uMongameli uJoe Biden.
UTrump uthembisa ukuba uza kuyiguqula imeko yabaphambukeli abagcwelise ela lizwe abangena ngokungekho mthethweni ngenxa yemithetho emiselwe liqela leDemocratic Party.
Zingaphezulu kwamakhulu amane iinkampani zelizwe laseMelika ezikweli loMzantsi Afrika ukusukela kwiminyaka yakudala.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika