Uke akhule na ongasekhoyo?

Akuba efile umntu oko iba sisiphelo sobomi bakhe. Akukho nanye kwizinto abezenza ethi iqhube kungathanga kuvele ohleliyo ayithathele kuye.

Nothi athathe ezinyaweni zofileyo wenza owakhe umda, akaqhubi kwangezo nyawo zofileyo kuba iinyawo zifa nomninizo. EmaXhoseni ke umntu akafi, nangona esifa nje yena ngokunokwakhe.

Akukho inobomi ingafiyo. Le yokuba umntu akafi yintetha yamaXhosa. Ivele ngenxa yokuxabisa kwamaXhosa umntu, de amfanekise nento engefanelwe kufa. Ade anesaci esithi “efile nje usathetha”.

Xa atshoyo ke asingise kwimisebenzi namazwi neengcebiso neentetha zakhe ezithi zishiyeke ziyimbali, nabantu bemana ukugqwathula bazekelise ngazo.

Ngentetha ecacileyo amaXhosa athi iimfundiso nemisebenzi yomntu azifi nokufa komntu, zisala kwabasahleliyo bazisebenzise. Uwave ke ngoku amaXhosa esithi “umntu akafi”, okanye esithi “efile nje usathetha”.

AmaXhosa akamlibali umntu, nokuba sele kuyiminyaka wafayo. Anemicimbi nezici azenza egameni lakhe. AmaXhosa asoloko enecebo lokuzenzela ukudla okusisixhaphaxhapha nasegezeni, izici ngabafileyo zezona zixhaphakileyo.

Wova umntu esithi upha abantu abadala (abafileyo) ukudla, kodwa kudle abahleliyo. Zizinto zanamhlanje ke nezo zokuthi abadala ngabafileyo, kuba endulo kwakusingiswa kwabadala ngenene (abahleliyo), benzelwe ukudla kwabantu abadala okunjengojiki, kuba ke kakade ujiki kukudla kwabantu abadala hayi abantwana.

Zizici zokudla egameni labafileyo ke ezo, ufike bebongwa bekhunjulwa ngandlelana zonke, de abanye babanqule ngelithi bozidlulisela kuQamata izinqulo ezo njengoko inguye kuphela omele kunqulwa.

Endingazange ndakuva kuthethwa ngamaXhosa kukuthi lowo mntu ufileyo uyakhula engcwabeni. Akuba esengcwabeni akubuyi akhule, akabuyi azise nto intsha phakathi kokuhlala.

Ubomi bakhe buyema. Nakweyiphi na into eyenziwa ngamaXhosa, nditsho nakwezithathwa ngokuba zibubudenge, amaXhosa akazange ake abhadulele ngasekucingeni ukuba umntu uyakhula engcwabeni abe mdala kuneminyaka awayefe enayo.

Ndiyakuzibula ukuva xa kubalwa iminyaka yomntu ongasekhoyo kuthathelwe kweyokuzalwa kuyomiwa kweyaloo mhla kubalwa ngawo, kubandakanywa nale ayilele engcwabeni.

Esikwaziyo thina ngokumayela nezici zeminyaka yabafileyo kukuba kukhunjulwe iminyaka yobomi bakhe neyaphela ngalaa mhla wafa ngawo, okanye kukhunjulwe iminyaka ayilele engcwabeni.

Kuthiwe “namhlanje sigqiba iminyaka eminga singasenayanga ubani, ngako oko sithe masenze isidlo egameni lakhe, sizikhumbuze imihla yakhe, sikhangele nokuba sibuphile njani na ubomi ngaphandle kwakhe kule minyaka idlulileyo.”

Azange ndiyive le yokudityaniswa kweminyaka ayiphilileyo umntu neminyaka ayilele engcwabeni, ze kuthiwe leyo minyaka yimanyaka yalowo mntu kusingiswe kuye ngesici.

Ubawo * -O R Thambo ligorha lamagorha nekungekho linjengaye kweli lizwe.

Imfanele ngoko inyhweba enjengale asandula kuyenzelwa, le yokuba kukhunjulwe imisebenzi yakhe, kudinjazwe kwisisele samava akhe kukhangelwa ukuba leyo mbali ingalinceda njani na ilizwe esikulo namhlanje.

Into enxaxhileyo yile yokuba kuthiwe kukhunjulwa iminyaka elikhulu wazalwayo (iminyaka eli-100 ka-O R Tambo)! Oonondaba bakanomathotholo endimphulaphulayo bebemile kwelokuba “iyaqhuba imibhiyozo yokukhumbula iminyaka elikhulu wazalwayo ubawo * -O R Thambo eMbizana eNkantolo.” Hayi bo! Ubawo * -O R Thambo akaphilanga minyaka ilikhulu; iphuthile leyo ntetha.

Okona bekusingiswe kuko kukuba bekugqwathulwa kwimisebenzi nemihla yobomi bakhe; qwaba ke! Yintengiso enye kuphela endiyive iwubeka ngokufanelekileyo lo mba kunomamathotholo wam, ndavuya ndema ngeenyawo ndakumva esitsho umsasazi, ndatsho ndaya kunyela imichiza kuthe nco!

Siyaphoxa ke kambe isiXhosa magangxa ndini. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba