UKelly Khumalo wadubula uSenzo Meyiwa “ngempazamo”, oku kuviwe yinkundla

KUTYHOLWA ukuba uKelly Khumalo uyabandakanyeka ekubulaweni kukaSenzo Meyiwa.

Oku kuvele ngethuba ipolisa kwicandelo lakwaForensic, uSajini Thabo Mosia ekhwela eqongeni kwiNkundla ePhakamileyo yasePitoli namhlanje [uLwesithathu] nanjengokuba kuqhuba ityala lamadoda amahlanu atyholwa ngokubulala uSenzo Meyiwa.

UMosia lipolisa lokuqala ukufika kwindawo yexhwayelo emva kwesehlo.

Igqwetha elimele abane kwaba batyholwa bahlanu, uAdvocate Malesela Teffo, uthe “owazibonelayo” uza kuza nobungqina bokuba uKelly nguye owadubula wabulala uSenzo “ngempazamo”.

“Ingqina elazibonelayo liza kungqina ukuba uSenzo Robert Meyiwa kurhaneleka ukuba wabulawa nguNonhlanhla Kelly Khumalo ngempazamo,” utshilo.

UMeyiwa wabulawa ngethuba endwendwele uKhumalo, ongumama womntwana wakhe.

Endlini yakuloKelly eVosloorus ngalo mhla wesehlo kwakukho uMeyiwa, uKelly nodade wabo omncinci uZandile, umama wabo uNtombi Khumalo, Longwe Twala, iitshomi zikaMeyiwa uMthokozisi Thwala noTumelo Madlala, unyana kaKelly uChristian owayeneminyaka emine ngoko kwakunye noThingo, intombi yakhe noMeyiwa.

Amadoda amahlanu, uMuzikawukhalelwa Sibiya, Bongani Ntanzi, uMthokozisi Mncube, Mthokoziseni Maphisa noSifisokuhle Ntuli, bajamelene netyala lokubulala, ukuzama ukubulala, ukukhuthuza, ukubanompu ongekho mthethweni kwanamanishini.

Bonke abatyholwa bathi abanatyala.

Ityala liyaqhuba.