UNONKOSAZANA Qalekiso (53) ebecinga ukuba ayaphosisa amalungu eANC eBuffalo City, ngethuba emxelela ngotyelelo lukaMongameli Jacob Zuma kwityotyombe lakhe eliseDuncan Village eMonti.
UQalekiso uhleli iminyaka engamashumi amabini ananye (21) kwityotyombe elikwimeko embi. Xa isina imvula elityotyombe ligcwala ngamanzi.
Ukongeza kule ngxaki, uQalekiso, ohamba ngesitulo esinamavili (wheelchair) nanjengoko engumntu oqaqanjelwa ngamathambo, kunyanzeleka ukuba asebenzise ipheyile xa efuna ukuzithuma kwindlu yangasese kuba kunzima nokuphakama.
Ngethuba engena umzi nomzi eZiphunzana eDuncan Village ngoLwesihlanu, uZuma uziphe ithuba watyelela ityotyombe likaQalekiso.
UZuma obephelekwa ziinkokeli zeANC eziquka uNosiviwe Mapisa-Nqakula, uThokozile Xasa, Mlibo Qoboshiyane noSakhumzi Somyo, uchithe imizuzu eqikelelwa kwishumi ehlinz’ impuku noQalekiso.
Eyona njongo yotyelelo lukaZuma kwaQalekiso ibikukuva ngeengxaki ezijamelene nalo mama kwanokumcela ukuba avotele iANC ngomhla wesithathu kwinyanga ezayo.
Besancokola njalo, uQalekiso usothule phezulu isikhalo. Lo mama uthi yiminyaka ejongene nentsokolo kwaye kudala “eqhathwa” ngamalungu eANC.
“Jonga indawo endihlala kuyo ukuba injani. Kudala ndisokola apha. Kunzima nokuya ngasese kuba andinayo indlu yangasese esemgangathweni, ndizinceda epheyileni emva koko ibengumthwalo ebantwini ukuyo kuchitha.
“Eyona nto ndiyifunayo yindlu esemgangathweni, enendlu yangasese ekwakumgangatho, kwanesitulo esinamavili esizihambelayo (motorised wheelchair),” uQalekiso, obenyembezana uxelele uZuma.
Ukongeza kwintlupheko yakhe, uQalekiso uthi ekuqaleni kwalo nyaka, uye wagilwa yimoto ngethuba ebezihambela kwindlela ekufuphi netyotyombe lakhe.
UZuma uthembisile ukuba amagosa aseBuffalo City azakuwulandela umba wesitulo esinamavili esizihambelayo kwaye uzakusifumana phambi kolonyulo.
“Umba wendlu nawo sizakuqwalasela, kwaye la magosa eANC aseBuffalo City azakukulandela oku emva kolonyulo xa eseburhulumenteni,” kutsho uZuma ocele uQalekiso ukuba avotele iANC ukuze kutshintshe ubomi bakhe, nobabanye abantu kule ndawo.
Emva kwale ngcaciso, uQalekiso ubonakale exolile emphemfulweni.
Emva koku, uQalekiso uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba into ebimlilisa kukuba ebengakholelwa xa ebexelelwa ukuba uZuma uzakumtyelela.
Impondo Elisha lonwabisa ngomculo walo eGqobhasi kuloMgqibelo