Ukhalimela ukuqhuba ngokungenankathalo usodolophu

Ubutyobo bezithuthi emva kokuba isigadla esiphuncukelwe ziziqhoboshi singene kuzo. Umfanekiso: Umbhali Wethu

USODOLOPHU wesithili saseAlfred Nzo uSixolile Mehlomakhulu ukhalimele ukuqhuba
ngokungenankathalo nokungathobeli mithetho yendlela kubaqhubi.

Oku ukuthethe ngethuba etyelela amaxhoba engozi phakathi kwesigadla nezinye izithuthi kufutshane nomlambo Umzimvubu
kwaBhaca  ngoLwesine, 
esibhedlele iMadzikane KaZulu Memorial, kwaBhaca.

UMehlomakhulu uthe: “kubalulekile ukuba
kuthotyelwe imithetho yendlela ingakumbi ngexesha apho sijongene nemozulu
emanzi etyibilikisayo. Singumasipala sibongoza abaqhubi ukuba baqaphele kwaye
bazinqande izenzo ezingakhokelela kwiingozi.”

Ukwadlulise amazwi ovelwano kwiintsapho
zamaxhoba, ekwakhuthaza aboncedo lokuqala ukuba banikezele ngeenkonzo zabo
ezikhawulezileyo, bahlale bethe qwaa nanjengoko kusiza ixesha likaxakeka
ezindleleni.

Umqhubi wesigadla uKenneth Botha wadiza ukuba
isigadla saphuncukelwa ziziqhoboshi sagqiba indlela de sakhwela kwezinye
izithuthi, nokusube imiphefumlo emine. 
UBotha kulindeleke ukuba avele enkundleni kamantyi ngale ntsasa, nalapho
ajongene namatyala okubulala ngokungeyonjongo.

Isithethi samapolisa kwaBhaca uKhapteni Edith
Mjoko uthe ityala lalo mqhubi lingatshintsha kwakugqitywa uphando
olusaqhutywayo lokufumanisa unobangela wengozi. “Kusaqhutywa uphando
ngelifuna oyena nobangela wale ngozi. 

Akukabikho siqinisekiso sokuba ibiyingxaki
yesigadla okanye ukuqhuba ngokungenankathalo. Siaykumbeka ityala elimfaneleyo
emva kwengxelo epheleleyo, okwangoku usajongene neli lokubulala
ngokungeyonjongo.

Ingxelo yesithethi sesebe lezempilo eMpuma
Koloni uSiyanda Manana ithi lishumi elinanye lamaxhoba elisafumana unyango
kwesi sibhedlele sakwaBhaca.