Ukhatshwe ngesithozela uVuyani ‘Speedo’ Mawethu

IBIYINGINGINYA yabantu ephuma kulo lonke eloMzantsi Afrika izolo izokuthi ndlelantle kusomashishini waseNgcobo uVuyani Mawethu Mdaka nowaziwa kakhulu ngelikaSpeedo.

Bekugcwele kungekho nendawo yokunyathela kwityalike yamaTshetshi ekwilali yase-All-Saints eNgcobo. UMdaka usweleke ebutsheni bale nyanga emva kokugilwa sisithuthi ngethuba ewela indlela esedolophini eNgcobo kufutshane nelinye lamashishini akhe. Wabalekiselwa kwisibhedlele sase-All Saints eNgcobo.

Emva kweeyure ezintathu waleqiswa kwisibhedlele iNelson Mandela Central eMthatha, nalapho aswelekele khona. Phakathi kwabazili bekukho inkulumbuso yeMpuma Koloni uPhumulo Masualle, nabaphathiswa bephondo abaquka uFikile Xasa (woomasipala), uPemmy Majodina (wezenkcubeko nemidlalo) uGqirha Phumza Dyantyi (wezempilo) noSakhumzi Somyo (wezezimali nophuhliso loqoqosho). Kwipalamente kazwelonke bekukho usekela mphathiswa wesebe lezabasebenzi uPhathekile Holomisa kwanenkokheli ye-UDM uNjengele Bantu Holomisa.

Unobhala we-ANC eMpuma Koloni * -Oscar Mabuyane ebekhona naye. UMasualle umchaze uSpeedo njengomntu obenegalelo elikhulu kweli phondo. OkaMasualle ukwathe uSpeedo ibingumntu othembekileyo kubahlali. USpeedo ubesaziwa njengomntu oyithanda kakhulu imfundo nobe negalelo ekwakhiweni kwesikolo samabanga aphezulu iDalasile Senior Secondary esikwilali yase Nkondlo, isikolo samabanga aphantsi iNgcobo Village esisedolophini. Uphinde wafaka isandla ekwakhiweni kwesikolo samabanga aphantsi iMasonwabe Nathi nalapho wathi wafumana inkxaso-mali ku-Enoch Godongwana bekunye noStone Sizani, abaziinkokheli eziphambili kwipolitiki yeli.

Ubeyinxalenye kumsebenzi wokutyiswa kwabantwana besikolo. IBhishophu yamaTshetshi uNceba Nopece ugxeke urhwaphilizo kweli ngelithi liphazamisa ukuhanjiswa kweenkonzo zikarhulumente. Uncome owayesakuba ngumongameli weli uNelson Mandela njenge nkokheli eyayingadyojwanga lichaphaza lorhwaphilizo. Uthe kukho umkhuba ombi apho abezopolitiko bathi basakunikwa izikhundla bathenge izithuthi zexabiso eliphezuku.

Uthe, “Nobezibiza ngokuba ulikomanisi uthi asakungena kurhulumente athenge eyesigidi imoto ungayazi nokuba buphelele phi ubukomanisi.” Ugxeke nabahlali abonakalisa iinkonzo zikarhulumente kodwa bekwaqhankqalazela ukuziswa kwazo.

“Xa usophula ipali yombane, umosha isikolo okanye utshisa umzi kaCeba kuba ungoneliseki kukuhanjiswa kweenkonzo awusenzi yona ngoku, uyamosha,” utshilo okaNopece.