Ukhenketho malufikelele nakwabo bakhubazekileyo

UDerek Hanekom unebali elilula alibalisayo ngohlobo uninzi lwethu oluye lungabaqwalaseli ngayo abo bohlukileyo kunathi – kwaye lungengxangxasi yokuhlambela (shower) ozifumana kwiihotele, kumakhaya weendwendwe kwakunye neendawo zokuzonwaya kwilizwe jikelele.

“Siyazi sonke ukuba kwezi ntsuku, akukho sepha ingako, kukho ezibhotile zincinane – zesepha yomzimba, ishampu kwakunye nezithambisi-mzimba.

Akunzimanga kuthi ukubona ukuba yeyiphi kweyiphi. Kodwa sithini ngabo bantu bangaboniyo ngamehlo?

“Bazi njani,” ebuza.

Kubantu ebebezimase usuku lwezokhenketho kazwelonke (World Tourism Day) eParys kwiphondo laseFreystata, abantu abangaboniyo bebephulaphule.

Bambi benqwala iintloko zabo. Bayazi ngokuzama ukuzifumanela indawo kwilizwe labo bantu ‘’baqhelekileyo.”

Abo bantu baqhelekileyo bangabasele so nabo bangabacingiyo. Owona mceli-mngeni mkhulu uthwaxa ezokhenketho zizidingo zabakhenkethi beli nabo baphuma kwamanye amazwe abakhubazekileyo.

“Kufanele sibenazo izikhululo zeenqwelo-moya ezifikelelekayo, izithuthi ezineemoto eziqhutywayo (wheelchair), ngokunjalo nezitalato kunye nemigangatho eyenzelwe oku,” utshilo umphathiswa.

“Amagumbi weehotele, iindawo zokutyela kwakunye nezinye iindawo kufanele ziqwalasele izidingo zabo bangaboniyo ngamehlo, abangevayo ngeendlebe kwakunye nabo bakhubazeke ngokwamalungu omzimba.

“Abasebenzi abaqeqeshiweyo kufanele bahlale bekhona ukunceda abathengi ngezidingo ezikhethekileyo, kwaye banikeze ngolwazi ngeendawo ezitsal’ amehlo ezilungele bona.

“Iindawo zikawonke-wonke ezifana neendawo zokuhlambela, kwakunye nezo zokulinda iibhasi, kufanele zenziwe zilungelelane nokufumaneka kuye wonke ubani.”

“Ndimema wonke ubani okwishishini lokhenketho, naye wonke omnye ubani oqubisana nabantu abaphila nokukhubazeka, bacinge umzuzwana, bazifake ezihlangwini zabo.

“Jonga kwihotele yakho, kwikhaya lakho leendwendwe, kwindawo yakho yokulilifa, uze ukhethe ukuba akunakwenza nangakumbi na ukwenza ubomi bubelula kwabo bangenathamsanqa okanye basikeleleke njengathi.”

Olo lutshintsho afuna ukulenza uHanekom, ingakumbi kwicandelo lezokhenketho.

Inyanga yoMsintsi biyinyanga yezokhenketho, nebigxile kwi-Universal Accessibility kulo nyaka. Isihloko salo nyaka, #TourismForAll, besingqale kubantu abaphila nokukhubazeka.

Yiyo loo nto ukhenketho loMzantsi Afrika lwabelwe isixa sekhulu lezigidi (R100 million) kulo nyaka ukuze luphucule ukhenketho lweli.

Kodwa, uHanekom uyavuma ukuba, “iinzame zokufumana abemi beli abathe xhaxhe kukhenketho lwelizwe labo, nokomeleza uqoqosho lokhenketho lweli, kuxhomekeke ekwenzeni ukhenketho lweli lufikeleleke ngokwamaxabiso.”