UKhetha nengoma yakhe entsha

“Noba kukude ekhaya ngihamba ngibuye.” Le yenye yeengoma ezingaphakathi kwicwecwe elitsha elithi ‘Ezintabeni’ lemvumi yeAfrosoul uKhethukuthula Tonny Yalo, owaziwa ngelikaKhetha igama.

Le mvumi, neneminyaka engama25, ibhiyozela icwecwe layo elitsha. UKhetha yinzalelwane yasePort Shepston kwiphondo laKwaZulu-Natal.

Uqale ukuqapheleka emculweni eseneminyaka eli15 ngethuba ekwingoma kaDJ Stiks ethi ‘Aibo Yey’.

UKhetha wenze izifundo zomculo eGamalakhe College apho injongo ibikukukhulisa uthando lwakhe lomculo.

Iingoma zonke zikaKhetha zingoma zothando nezincamisa umxhelo kozimameleyo.

Ngo2016, uKhetha ukhuphe ingoma yakhe neyaveliswa nguNqo Beats neyadlala kwizikhululo phantse zonke ezaziwayo zeli loMzantsi Afrika ezifana noKhozi FM kwakunye noMhlobo Wenene FM kwanezinye zasekuhlaleni.

Kwinyanga ephelileyo, inkampani evelisa umculo iNine2Five, iphehlelele eli cwecwe likaKhetha alibhiyozelayo kwakwezi zikhululo.

Sithetha nje ngoku usebenza phezu kwenye ingoma aza kuthi ayikhuphe nayo kungekudala ethi “ Igama Lami uKhetha” nekulindeleke ukuba iphume ekuqaleni konyaka ozayo.