Ukhethe ukuya kuhlalisana nabantwana ngenxa yemeko

UNofirst Ester Ngalela kwilali yaKulogaxa eNtlonyana eXhorha Umfanekiso: BHEKI RADEBE

UNofirst Esther Ngalela nonabantwana abane kwilali yaKulogaxa eNtlonyana, eXhorha, akanabazali babhubha kwaye akanaye nodade okanye ubhuti uyedwa kwakunye nabantwana bakhe abane.

Ngoku uhlala kulomama wakhe kule lali yaKulogaxa wabuya eNkanya kowabo emva kokuwa komzi wakowabo. Kule nkosikazi kunzima, ucela amalizo kuye nabani na njengoko exhomekeke kwigranti yabantwana bakhe nakwiR350 enikezwa abantu abangaphangeliyo.

Uthi ukubuya kwakhe kulonina kuye kwafuneka ezakhele owakhe umzi kuba kaloku umzi uyanda unabantwana. Uthi ukunxibisa abantwana, ukwakha umzi, kwanokutya kukwajonge kule granti yaba bantwana bakhe, uthi naye ukuze anxibe uyaphiwa ngabantu iimpahla. I’solezwe lifike enxibe isikipa sombutho weANC isithi naso yasiphiwa.

Ngoku ichophisana nendoda ethandana nayo kwikhaya lale ndoda kwaye nabantwana bakhe bahlala kulo mzi. Uthi kunzima ke ukuxhomekeka emntwini ongutata kuba unothanda uyamenza ingakumbi xa ekwazi awunamva namphambili.

Ityotyombe lakhe elikwinxiwa lakhe bemka kulo kuba lasuka lavuza xa kunetha kwaye uthi kusenzima ukuba babuyele kulo kuba akanayo le yokuthenga amazinki.

Okubuhlungu nangakumbi kule meko yalo mama kukuba abantwana bakhe abathathu basayekile esikolweni kuba beye bakhutshwa kuba bengenayo iyunifom epheleleyo. Aba nguBukiwe,14, owenza uGrade 4, uAyakha 11 ukuGrade 2, kwakunye noAphila, 8, okuGrade 1 noyinkwenkwe yedwa phakathi kwamantombazana.

Le nkosikazi ithi ibibiziwe esikolweni sabantwana iMbanyana J.S.S ekuqaleni kwenyanga kaMatshi, kusithiwa bangaphinde beze esikolweni ingaphelelanga iyunifom yabo abantwana. Uthi akwenzayo ngoku umane aqale ngomnye umntwana amthengele izihlangu kwenye inyanga athengele omnye kuba akakwazi ukubathengela bonke ngexesha elinye.

“Singashiyeka singenayo le yokutya into ukuba ndingabathengela iimpahla zesikolo ngexesha elinye. Ndibaqala ngezihlangu xa ndibathengela. Okwangoku banxiba iyunifom engeyoyaseMbanyana, banxiba eyesikolo iMakhamiso ebebefunda kuso kunyaka ophelileyo. Andikwazi ke nokungena emigalelweni eza kuthi indincedise kuba imali yile isebenziseka kwiingxaki zendlu,”

“Kule ntsokolo ndide ndabe ndizifumana ndinalo noxinzelelo lwegazi (high blood pressure) ngoku nditya iipilisi. Ndiyarhalela ukuzihlalela nabantwana bam, andikuthandi noku kuhamba ndihlala kuba nezihlobo ziyadinwa, abantu kwaye bayaphazamiseka nasesikolweni,” utshilo uNgalela.

Uthi zange walufumana uncedo njengokuba akhe abone abantu abangathathi ntweni bexhamla.

UMphathiswa wokuHlaliswa koLuntu kweli Phondo uNonceba Kontsiwe, kwiveki ephelileyo ubongoze uluntu ekubeni ibe luxanduva lwabo ukuba bachaze iimeko ezinje kooCeba kuba nguceba ofanele ukusa ezi ngxaki kuSodolophu, izokwazi ukufikelela kwiSebe elifanelekileyo bakwazi ukuncedakala abadingayo. Uthi akukho lula ukuba bazazi ezenzeka ezantsi baxhomekeka ngelizwi loluntu.

Olitshantliziyo okwalwela amalungelo abantu nothe gqolo ukunceda uluntu kummandla waseXhorha neziphaluka kuMasipala uMbhashe, uthi uceba unolwazi ngale nyewe kuba uphuma kule ndawo naye. Uthi kodwa okubalulekileyo kukuba ingase ade afumane uncedo lo mama, batsho bazinze nabantwana babe nendawo yokuhlala eyeyabo.