Ukhokele igqiza leli eDavos uRamaphosa

Usekela mongameli weli uCyril Ramaphosa ukhokele igqiza lorhulumente weli ukusinga eDavos eSwitzerland besiya kuzimasa inkomfa yaminyaka le yeWorld Economic Forum.

Le nkomfa entsukune kulindeleke ukuba ishukuxe banzi imicimbi engemeko yezimali kumazwe ehlabathi ngelizama ukufumana izisombululo kwiingxaki zoqoqosho.

Inkokeli eziphuma koorhulumente, kushishino, imibutho ezimeleyo kunye nabo baphuma kumaziko wezemfundo ephakamileyo badibene Switzerland bexoxa amacebo okuqiniswa kwemeko yezoqoqosho kwihlabathi. Zingaphezu kwamawaka amabini inkokheli ezithathe inxaxheba kule ndibano phantsi komxholo okhuthaza ukukhathala nokuthathwa koxanduxa ziinkokheli kwihlabathi.

Le nkomfa yaqala ngonyaka ka1971 ibizwa ngegama eliyi “European Management Forum”, yaze ngonyaka ka1987 yatshintsha yabizwa ngegama eliyi “World Economic Forum” emva kokuba iquke amazwe amaninzi wehlabathi.

Le ndibano kulo nyaka ibanjwe ngexesha apho oorhulumente kunye nabezoshishino kwihlabathi bajongene nengxaki yemeko yezoqoqosho engazinzanga.

Othethe egameni lorhulumente weli uRonnie Mamoepe uthe igqiza lorhulumente weli lizakusebenzisa eli thuba. “Sizakusebenzisa eli thuba ukuthengisa ushishino lelizwe loMzantsi Afrika koosomashishini behlabathi namagosa asuka koorhulumente abohlukileyo,” ucacise watsho uMamoepe.

Igqiza loMzantsi Afrika liquka abaphathiswa bakarhulumente, abezoshishino kunye nenkokheli zemibutho yabasebenzi. Ongumlawuli weBrand SA UKingsley Makhubela uthi kuninzi abanokukuxelela ihlabathi ngoMzantsi Afrika.

“Kumele ukuba sibaxelele ukuba emva kwenkululeko siqale ubuhlobo obuqinileyo nabasebenzi kwiinkampani zeli, iingxaki zoqhankqalazo ezakhe zakho ngaphambili asisenazo ngoko ke siyabamema ukuba beze kutyala imali eMzantsi Afrika,” utsho uMkhubela.

URamaphosa uphelekwa ngabaphathiswa abaquka uPravin Gordhan, Jeff Radebe, Ebrahim Patel, Rob Davis, Nomvula Mokanyane kunye nomphathiswa wezotyelelo kwiphondo laseKZN uSihle Zikalala.

Ilizwe loMzantsi Afrika kulindeleke ukuba libambe le ndibano egameni lamazwe aseAfrika ngenyanga kaCanzibe walo nyaka.

Uninzi leenkokheli kushishino nakoorhulumente behlabathi zixhalabile ngenxa yemeko yezimali engazinzanga ehlabathini, le nkomfa izakuthetha banzi ngezi ngxaki.

Zingaphezu kwamakhulu amahlanu izithethi ezizakuba zithetha kule nkomfa zishukuxa imicimbi eyahlukileyo. Lowo wayesakuba ngumongameli welizwe laseRwanda uPaul Kagame uphakathi kwezonkokeli zizakuthetha kule nkomfa.

Ukungalingani kubantu behlabathi isengumcelimngeni ekulindeleke ukuba uxoxwe banzi yile ndibano, itshilo ingxelo.