Ukholiswa yintoni kumehlo akho?

Amanye wamaqhalo nezaci zakudala kungona aye ephuhla kule mihla sikuyo.

Isifundo ngamaqhalo nezaci ndandisicaphukela ngenxa yendlela esasifundiswa ngayo. Yayingeyondlela inokukwenza usiqonde ngokupheleleyo kuba yayikhuthaza ukunkqaya.

Ngaloo ndlela ke amaqhalo nezaci ndikhule iyinto yokunkqaywa, ungaze uyazi intsusa nemvelaphi, nto ezo zityhila iqhalo nesaci.

Ndakube ndivuthiwe ndifungele ukuyiguqula indlela ekubhalwa nekufundiswa ngayo esi sifundo; ndabhala incwadi yamaqhalo amatsha nezaci ethi “Amagqabantshintshi oncwadi lwemveli” nekube yiminyaka ngeminyaka ingafumani bapapashi, besithi ndiguqula umgaqo.

Ndakube ndiqondile ukuba andinanto indibophelela kubo, ndazipapashela, yasuka yahamba okweekuku ezishushu ebusika. Emva koko baninzi abaye bazeka mzekweni, kwabanye izityhila bengafundanga ncwadi yam.

Iqhalo elithi indaba yotyelo ayikholi lidala. Nangani kunjalo, ininzi into efihlwayo emehlweni abantu, abantu bangaboni yonke into le.

Lowo mthetho wokuba akujongwa yonke into ubuzigade ngokwawo, kungekho mntu ugade ukwaphulwa kwawo. Umntu ebezazela into engafanele mehlo akhe, athi nokuba sethe wagagana nayo ngequbuliso awafihle amehlo akhe.

Kuninzi ke kambe ukuva umntu esithi “make ndiye kuzibonela ngala am, indaba yotyelo ayikholi.”

Oko ke bekusenzeka kwinto engakholelekiyo kwiindlebe zabaninzi, ithi noxa ibaliswayo babe abevi kumnxa baqinelwa ziindlebe.

Oku bekungavuli thuba lokuba umntu afune ukubona yonke into le ke, ibingekasongameli ngolu hlobo isongamele ngayo intswelakuqiqa nentswelabulumko.

Sikwanawo ke nanqanda ukubona nokujonga into engakufanelanga. Kuba sasisaya kuba ziingqiqi neengqondi ke, lawo maqhalo ebengadali kubhideka nangani owanamhlanje umntu engathi sithetha siziphikisa xa senjenjalo.

Ndinilandisela lo mlandu ke kungenxa yento ehlala indixaka kwaba bantu banemizi esecaleni komgaqo weenqwelomafutha. Amehlo abo akayoyiki ingozi, akukhathaliseki nokuba imanyumnyezi kangakanani na. Nabantwana babo ke bakwanjalo.

Kwakuvakala isithonga sokungquzulana kwezithuthi endleleni kuphuma nolusebeleni usana, luyitshice ingono kanina likhase ukuya emgaqweni. Nabathe qelele kwindawo leyo yexhwayelo wofika benkcunkca ecaleni kwendlela ngokunga baphuthumele ukuya kuhlangula.

Hayi, bayotyebisa nje amehlo, ukusuka apho baphange imithwalo yezo nqwelomafutha zisengozini. Kukho naba beenqwelomafutha ke wofika bemise ecaleni nangani bengachaphazelekanga bengazazi nezo zithuthi zisengozini, besandisa nje ingxinano enokudala enye ingozi. Abantu ngokuthanda izinto!

Nqwa ke naba basezilokishini. Kutsha amatyotyombe neembiza, usana lushiywe emanzini okanye lulele umntu eleqa ukuya kubukela isikoli esibulawayo.

Oshiye eyaleze umntwana uthi esithela abe lowo mntwana emlandela ukuya kuzibonela naye.

Zininzi ke izinto ezindenza ndixuxuzelelwe sisisu kule nto yokuthanda ukubona. Ndicaphuke ndiphele emngcwabeni ndakubona kukrotyiswa imveku emkhumbini ukuba ibone isidumbu somzali wayo.

Isidumbu sibonwa ziimpobole ezimazi nesiva esisitheleyo lowo ubhubhileyo, ukuqinisekisa ukuba akungcwatywa sidumbu ingesiso, ngaphaya koko akukho sizathu simbi sokuza kwalula intamo phezu kwesidumbu.

Ngokrokrayo nokwikhabathiso lokwenjenjalo onokubuya abange ukukholisa amehlo akhe, ukuba ngenene ubhubhile lowo sukube kungcwatywa yena. Atsho axole ke. Kule mihla ke wofika abantwana beqhutywa ngoonina, kufixizwa ukuya emkhumbini. Kwekhu!

Ingaba ndiyonyelisa na sizwe xa ndisithi amehlo abantu esingabo ayakholana namasikizi nobubi? Ukuba akunjalo, kodwa zona izimbo zethu zintama oko.

Kule mihlana mibini ndikho, kuba ke ndiyimveku, andisanqweneli kubona masikizi angaphezu kwala sele ndiwabonile. Kazi akholiswa yintoni na ke awakho amehlo? Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.