UKhongolose uqinisa ubudlelwane neenkonzo

Iinkonzo zakuhlala zibalulekile kwiANC kwaye luxanduva lwalo mbutho ukusondela kufuphi nazo.

Oku kudizwe lilungu lekomiti yephondo yeANC uSindiswa Gomba ngethuba isigqeba solawulo seANC eMonti sithe sabamba umthandazo ngeenjongo zokuthandazela amanina, uqoqosho kwakunye nepolitiki kule ngingqi yaseDr WB Rubusana.

Lo mthandazo ububanjelwe eAbbotsford eMonti ngempelaveki.

UGomba uthi lo mthandazo ibikwakukugocagoca nendima ethe yadlalwa ngumama uAlbertina Sisulu kulo mbutho. Uthi ngoku balandela ezinyaweni zakhe.

Ukuba ebesaphila, uSisulu ngegqiba iminyaka elikhulu wazalwayo. UGomba uthi inkulu indima edlalwe ngamanina elizweni kuquka nasembuthweni kodwa uthi oko akukaqatshelwa.

Uthi iicawa zisenayo indima kwezopolitiko kwaye zadlala indima enkulu kakhulu kwipolitki.

“Okubalulekileyo kukuba singamanina sifundisane ukuba singenza njani ukuqinisekisa ukuba siqhubela phambili neemfundiso zikamama uSisulu.

“Singavuma sonke sithi oomama ngabo abajonge isizwe. Ngoobani abakhala kakhulu xa kusenzeka iingxaki ebantwaneni, ikwasithi boomama. Ikwasithi nabasoloko benikeza inkxaso ekhayeni nakubayeni bethu. Oomama badalelwe ukuba bajonge ezonto ootata bangakwaziyo ukuzibona,” utshilo uGomba.

Uthi nalawo amanina akwaziyo ukuthetha kuvakale kwaye akwaziyo ukuguqula izinto aye angathandwa ngamadoda abesisigrogriso.