ZIZIKHALAZO zamalungu abhenela kundlunkulu wombutho we-ANC, kwaneenkokheli zamasebe eziphazamisana nobume bamasebe ngelokuphumeza iinjongo zazo ezibangele ukuba iinkokheli ze-ANC zichithe iintsuku eMpuma Koloni kutshanje.
Oku kudizwe izolo ngusosiba walo mbutho kweli phondo * -Oscar Mabuyane. Iinkokheli ze-ANC zikhokelwa ngumongameli uJacob Zuma beziseMpuma Koloni ekuqaleni kwale veki, apho bekuxovulwa iingxaki zalo mbutho. OkaMabuyane uthe: “Iingxaki esijongene nazo siyi-ANC zimbaxa okwemingxuma yembawula.”
Uqhube wathi ezi ngxaki zidalwa ngabantu abafuna izikhundla. “Abanye abantu abazamkeli iziphumo zonyulo kumasebe xa bethe abaphumelela,” utshilo okaMabuyane. Ukwathe kukho nabo baphazamisana neenkqubo zophicotho malungu kumasebe ngeenjongo zokuphumeza iminqweno yabo.
UMabuyane uthi imiceli-mngeni iqatsele njengokuba kusiyiwa kunyulo loorhulumente basekuhlaleni kunyaka ozayo. Uthe, “Kukho amalungu afuna izikhundla zokuba ngooceba emva kolu nyulo luzayo, amanye awo akalandeli migaqo yombutho ukuze onyulwe.”
UMabuyane uthe ukuphazanyiswa kobulungu ziinkokheli zamasebe afuna izikhundla embuthweni kuya kukhula, “Lithi ilungu belizigqibele lime kakuhle ezincwadini lizibone selingasekho, bathi abantu bebengengomalungu babhatalelwe iimali zokujoyina i-ANC, zezi nkokheli eziphazamisa ubume bamasebe, kuba injongo yazo kukuba zifumane iivoti xa kusonyulwa,” utshilo okaMabuyane. Ukwathe usekela nobhala-jikelele we -ANC uJessie Duarte usasele ephondweni ukusombulula eminye imiceli-mngeni ejongene noKhongolose. Uthe: “Kusekho iingxaki aza kuzimamela kumasipala we-Alfred Nzo.”
UMabuyane uthe kudala beliphondo bezicubungula iingxaki eziphambi kwabo, kodwa kukho amalungu angonelisekiyo zizigqibo abazithatha beliphondo.
“Abanye bathi basokunganeliseki sisigqibo sephondo bahambe becofa iindawo ezingathi zinamafokotho athambileyo, abo bantu ke bade bayongena naseLuthuli House becela ukungenelela kweenkokheli ngombutho kwizinto esizisombululeyo singumbutho kwiphondo,” uthethe watsho uMabuyane. Isithethi s-ANC uZizi Kodwa uthe beluyimpumelelo olu tyelelo, kwaye baza kuthi gqolo ngokufika kweli phondo ukuze onke amalungu ahambe ngesingqi esinye xa kusiyiwa kunyulo loorhulumente basemakhaya. “Sifuna ukuphumelela bonke aba m asipala bakweli phondo, nalowo uphantsi kweDA siyawufuna, kwaneWadi ephantsi kweDA eBuffalo City,” utshilo oka Kodwa.
Ukwathe kukho iingxaki zorhulumento abaza kuzilungisa ukuze baqinisekise ukuba umbutho ungena kunyulo ukulungele ukuba ngurhulumente.
Ubomi ejele kutata owadlwengula intombi yakhe ngokuphindaphindiweyo