Ukhozi lufikile ephondweni

Ukuba uyaqaphela kule veki phaya kwiphepha 12 ukusukela ngoLwesibini oko sinazisa ngabasasazi bakuKhozi FM lakwaZulu Natala.

Ukhozi FM lelona jelo losasazo lukhulu eMzantsi Afrika naseAfrika. Libe lelesibini kwilizwe jikelele. Abaphulaphuli abangaphaya kwezigidi ezisixhenxe bahlala beluphulaphule.

Kudala nathi simane sibuza abalandeli nabafundi bephepha lethu ukuba yintoni le ingaka bayithanda ngoKhozi. Iimpendulo ziye ziqale kudidi lwabasasazi kunye neenkqubo ezinomxholo onomtsalane. Kuphinde kubekho nomba wesiZulu esisulungekileyo kunye nomculo odlalwayo.

Sibuza nje besibuza kuba besesihletyelwe ukuba Ukhozi FM luzakuba semazeni aseMpuma Koloni ukusukela le veki sikuyo. KoomaElands Heights nooLusikisiki ukuyotsho kooMthatha umntu angakhangela kwizithuba zika 92.9FM ukanti kwisixeko saseBuffalo City umntu angakhangela koo 95.3FM khe uzivele ukuba yintoni le ingaka ebangela ukuba ibe- lelona jelo losasazo likhulu eMzantsi eli.

Bambi bathi kukuzinikela kwamaZulu kwinkcubeko neelwimi zawo okubangela ukuba sibe sikhulu kangaka esi sitishi.

Ingakhona inyani apho, ngoba nakumba wamaphephandaba, Isolezwe lesiZulu phaya kwaZulu Natala, lifundwa ngabantu abangaphezu kwesigidi ngosuku.

Kuninzi esinokufunda koku kuzinikela nokuzingca ngeelwimi zethu, kwaye sinethemba lokuba ukufika koKhozi ephondweni kuzaqinisekisa ukuba namanye amajelo osasazo ephondweni onyusa iikawusi; ingakumbi la asekuhlaleni mancinane.

Ukanti xa siqwalasela Umhlobo Wenene FM, nawo uqhuba kakuhle, uleqa izigidi ezihlanu. Into ethetha ukuba amajelo osasazo esiNtu aqhuba kakuhle ngokubanzi.

Asiboni khuphiswano phakathi koKhozi noMhlobo ngoba bahleli bephantsi kweSABC; bazakomelezana.

Abanokubethakala ngamajelo amancinci. Makhe sibone!