Ukhulisa isixhenxe sosapho ngokushishina ngamaqanda

Kuninzi loluntu intlupheko nentswela-ngqesho ibaziziphelo zobomi ingakumbi kwindawo efana neCala ethwaxwa yintlupheko nokunqongophala kwamathuba engqesho kodwa akunjalo kuSibusiso John Yawa oshishina ngamaqanda.

UYawa oneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo noyinzalelwane yase-Ugie nosele wafudukela eCala uphilisa usapho lwakhe ngokuthengisa amaqanda abilisiweyo kumbindi wedolophu yaseCala kwaye wondla isixhenxe sonke sabantu ngengeniso yala maqanda.

Kudliwanondlebe nephephandaba I’solezwe lesiXhosa uJohn Yawa uthe: “Ndandifunda kodwa ndaze ndabona ukuba apha ekufundeni anditholi naphantsi ndikwibanga lesihlanu kwaye nasekhaya bekungekho bani uphangelayo.”

“Yiyo lonto eyabangela ndisishiye isikolo. Ndaya eNtshona Koloni ndasebenza kwiqumrhu elivelisa iiplastiki kodwa ngelishwa ndonzakala ndabuyela apha eMpuma Koloni kwakhona. Bendidla ngokuthengisela abanye abantu amaqanda apha edolophini kodwa ndabona ukuba andenz’ mali,” utsho uYawa.

UJohn nanjengoko ebizwa njalo ngabathengi bamaqanda akhe ugqiba iminyaka emibini eshishina ngamaqanda kwiirenki zaseCala nakwiindawo ezikhanda iimoto kuquka nabantu ngokubanzi kumbindi wedolophu yaseCala.

“Unkosikazi akaphangeli kwaye nabantwana bam abathathu abaphakathi kweminyaka esibhozo ukuyokutsho kwishumi elinesithandathu kuquka nabantwana abathathu baka bhuti owaduka nezwe; baxhomekeke kula maqanda ukuze balale betyile, bakwazi nokuya esikolweni,” utshilo uYawa.

Lo somashishini uthengisa ukuyokutsho kumashumi asithoba amaqanda ngosuku kwaye iqanda lilinye libiza iirandi ezimbini. La maqanda afakwa iziqholo zokutya ezifana nePeri-Peri, iChillis, iCheese ukuyokutsho kwityuwa kwaye abathengi bayathatha nangetyala ikakhulu abaqhubi beeteksi.

“Abantu abatsha mabayeke usola urhulumente koko bavuke bazenzele ngokwabo nokuba umntu uqokelela udothi awuthengise okanye nkqu namakhoba alamaqanda wam angaphinda asetyenziswe kwakho kumaqumrhu athile,” uqwele watsho uYawa.

isibhalo@inl.co.za