Ojongene netyala lobuqhophololo, uMkhululi Vena (41), ukhululwe ngebheyile yeR1000 ze lamiselwa uJanuwari wonyaka ozayo ityala ajongene nalo, nalapho azakube evela natyholwa naye, uDylan Buzz Strydom (27) waseKomani. UVena uvele phambi koMantyi waseMthatha ngoMvulo kule veki.
UVena ubanjwe eMonti ngoLwesine kwiveki ephelilyo ebanjwa ziiHawks zaseKomani.
Atyholwa naye uStrydom wabanjwa ngomhla we23 kwinyanga kaSeptemba kulo nyaka, naye ebanjwa ziiHawks zaseKomani. UStrydom wavela eMthatha naye ngoSeptemba nowakhululwa ngebheyile yeR500.
Ngokwengxelo kaWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana, ithi, owakhalazayo nguManejala wehotele esedolophini eTsomo owaye wathengiselwa sesi sibini umatshini wemali ophathekayo, ispeed point ngamanye.
UWarrant Officer Mhlakuvana uthi, uManejala uthi wathetha nomntu owazichaza njengomsebenzi weYoco Technology (Pty) Ltd, owaye wamthengisela izi-speed point ezintathu (3) ngemali eyiR3500.
Ingxelo ithi ihotele yaye yaqaphela ukuba emva kweenyanga ezimbalwa iqalise ukusebenzisa ezi-speed point, imali ayingeni kwishishini labo nekulapho waye wayokuvula ityala lobuqhophololo kwiiHawks lo Manejala.
UMhlakuvana uthi ngethuba kusenziwa uphando kufunyaniswe ukuba iakhawunti eya kuyo le mali iseMonti kwaye kuvela omnye wabarhanelwa. Umrhanelwa wabanjwa wachaza asebenzisana naye kobu buqhophololo.
Imali le ibisele ingaphaya kwesigidi seerandi (R1.2 million) phakathi kwenyanga kaJulayi noSeptemba 2023.
Intloko yeeHawks kwiPhondo, uMajor General Mboiki Obed Ngwenya uwuncomile umsebenzi wokubamba abarhanelwa ngokukhawuleza.
Makadedele abanye uMalema kwiEFF