Indoda ejongene netyala lobuqhophololo egama linguChris Ngwenya (48) nonenkampani ebizwa ngokuba yiDirector of Future Millionaires eQuigney eMonti, ukhululwe ngebheyile yeR60 000 ngethuba evela phambi koMantyi edolophini eMonti ngoMvulo.
Le ndoda yabanjwa emva kophando olwathatha ixesha elide emva kokuba amaxhoba aliqela avula ityala emaPoliseni ngonyaka ka2021 malunga nokutyiwa kwemali yawo awayeyityale kule nkampani ngethemba lokukhula kwayo njengesithambiso kwanesivumelwano sale nkampani.
Ngokwengxelo yamaPolisa, inkampani kaNgwenya yinkampani ejongene nokukhulisa iimali zabantu ingakumbi abathabathe imihlala phantsi. Amaxhoba akhe asele eze ngaphambili avula ityala asibhozo (8). Amaxhoba la ebeye awathembise ukuba iimali zawo zizakuthi zonyuke nyanga nenyanga mabatyikitye isivumelwano, benzanjalo, emva koko zange bayifumane imali de kube ngoku.
ULt Col Siphokazi Mawisa kwingxelo uthi, amaxhoba agqiba ekubeni atyelele kwiofisi kaNgwenya ukuyokufumana iimpendulo, bafika zivalile kwaye kungekho nomkhondo ukuba zayokutshona ngaphi iiofisi ezo.
UMawisa uthi ngokophando lweProvincial Commercial Crimes Unit, kwakhokelela ekubanjweni komlawuli wale nkampani ebanjwa eRetail Park eBeacon Bay kwaseMonti.
Uvelile ngoMvulo kule veki evela nenkosikazi uNomvuyiso Bantwini obesebenzisana naye ngokuthi amphathele amaxhoba kule nkampani.
UBantwini wayekade engumsebenzi kwinkampani etyala imali uOld Mutual kwaye sele wabeka phantsi iintambo emsebenzini wakhe. Ityala limiselwe umhla we26 kwakule nyanga kuba kusazakuqhutyekekwa nophando.
ISILUNGISO: Ngaphambili senze impazamo sabhala ukuba inkosikazi ebisebenza noNgwenya nguNomvuyiseko Bantwini, igama lokwenyani lale nkosikazi nguNomvuyiso Bantwini. Impazamo iye yalungiswa. Siyaxolisa!
Halala, utshatile uMama Joy!