Ukhululwe ojule umntwana

UMthobeki Khathali nowakwakhe uVuyokazi emva kokukhululwa ngebheyile

Basabhok’ isicuku abahlali ababengene ngenkani bazigxumekela ngokungekho mthethweni amatyotyombe kumhlaba kamasipala kwindawo ebizwa ngokuba yiJoe Slovo eBhayi.

Aba bahlali bathi abazukubuya ngamva ekwakheni kule ndawo emva kokudilizelwa ngamapolisa amatyotyombe abo kule veki iphelileyo, besithi bayixhasa ngokupheleleyo indoda ebivele emaplangeni kwinkundla kamantyi welokishi yaseNew Brighton ngoMvulo. Le ndoda ibimangalelwe ngokuxhaphaza umntwana emva kwesiganeko ebesingu ndabamlonyeni sokuphoswa kosana ezantsi lisuka phezu kwetyotyombe.

Bathi lo mntwana okugcino loonontlalontle eTinarha, baza kuya kumlanda ngetshova bambuyisele ekhayeni lale ndoda.

“Akanatyala, yonke le nto igqwethekile kuba ayichazwa njengoko yenzekile. Abantu abaninzi kangaka bangamxhasa njani umntu ongumxhaphazi wabantwana?” utshilo uLizzie Jantjies ethethela abahlali.

UMthobeki Khathali (38) ukhululwe ngebheyile engenantlawulo ngumantyi obechophele eli tyala uSivan Maharaj. Ibheyile ilandelwa yimiqathango ethi uya kudibana neembila zithutha ukuba ufike emva kwexesha okanye akaphumelelanga ukuzimasa imini emisiweyo yokuqhubeka kwetyala lakhe ngowama29 kuCanzibe.

“Akaphangeli, akanandawo yokuhlala kuba apho bebengxungxe khona banikwe uphum’aphele, yiyo nalo nto babone ukuba bayokwakha kula mhlaba bebetshutshiswa kuwo ze kwenzeke esi siganeko,” litshilo igqwetha lakhe uMxolisi Moolman.

Lo mhlekazi uthe yonke le ngxelo izoba umfanekiso wokuswela nokuba phantsi koxinizelelo lokufuna indawo yokuhlala, wada yena nabanye babhenela kule ndawo. Uthe nenkxaso yabahlali abazalise inkundla nangaphandle bangqina ukuba akanatyala.

Ethetha noonondaba, uKhathali uthe ibingezonjongo zakhe ukubulala umntwana koko ebemnikezela kunina obesezantsi kwetyotyombe, esithi yonke le nto iyabaxwa.

Othethela iGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) uTsepo Ndwalaza, uthe abanangxaki beyiNPA nokukhululwa kwalo mmangalelwa ngokwendlela yomthetho, esithi ityala likaKhathali lifuna ukuphandisiswa kakuhle.