Ukhumbula uNgubengcuka urhulumente weMpuma Koloni

Kuza kutyhilwa ilitye lesikhumbuzo sikaKumkani uNgubengcuka wabaThembu eClarkbury, eNgcobo, ngomso umhla wamashumi amabini anesibini kule yoMsintsi.

Ingxelo yesebe elijongene nemidlalo nenkcubeko eMpuma Koloni, ithi eli litye lale ngonyama yabaThembu liza kutyhilwa lihambelane nomsitho wokukhumbula izinto ezililifa kweli leMpuma Koloni ngalo mhla. Kukwalindeleke ukuba kwalo mhla mnye kutyhilwe ilitye lesikhumbuzo samagorha aseNgcobo kwigadi yembali yale dolophu iNgcobo Heroes Park.

Othethela isebe uAndile Nduna, uthi benza oku ngelinika imbeko kuNgubengcuka nakubo bonke abo bathi bazincama besebenzela uluntu.

“Ngenene sizakube silityhila ilitye leKumkani uNgubengcuka kunye nemifanekiso eqingqiweyo kagqirha AB Xuma kunye noWalter Sisulu,” utsho uNduna.

Inkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uPhumulo Masualle, nguye kanye ozakube esenza intetho ephambili kulo mcimbi.

UKumkani uNgubengcuka nguye owanikisa ngomhlaba kwigqiza labefundisi ababephuma eLondon ngo1830 ababekhangela umhlaba befuna ukusungula iziko lemfundo, ngenxa yoko kwasungulwa isikolo saseClarkbury.

“Isikolo saseClarkbury sivelise amagxibha kwezopolitiko afana noNelson Mandela, AB Xuma kunye nomzukulwana kaNgubengcuka uKumkani uSabatha Dalindyebo,” ucacise watsho uNduna.

Le mibhiyozo iza kuqala ngokuthi kutyhilwe umqingqwa welitye lika-AB Xuma noWalter Sisulu eNgcobo Heroes Park ukuze kamva kugqityelwe ngelitye likaNgubengcuka.

Kunyaka ophelileyo, igqiza leeNkosi zesizwe sabaThembu lityelele ingcwaba likaNgubengcuka eNgcobo emva kokuba lakhiwe yindibanisela yomasipala waseChris Hani kunye norhulumente wephondo leMpuma Koloni. Ukusukela ngonyaka ka1995 urhulumente weli wanikeza ngale nyanga yoMsintsi ukuba isetyenziswe ukunika imbeko nokukhumbula izinto ezililifa kubantu boMzantsi Afrika. Izinto ezililifa kweli ziquka amangcwaba, izakhiwo, izindlu, amakhaya wamaqhawe, iincwadi ezibhaliweyo, imizobo, iingoma nezinye ezininzi.

Ngaphambili, ikomkhulu lamaQwathi eNgcobo laveza izikhalazo zalo ngokungaboni nkqubela malunga nokuvulwa kwegadi yamaQhawe aseNgcobo.

Igadi yamaqhawe aseNgcobo yakhiwe ngemali eqikelelwa kwizigidi ezibini zeerandi (R2 Million) ngentsebenziswano yorhulumente weli phondo kunye nomasipala wesithili saseChris Hani ukusukela ngonyaka ka2014.