Ukhunjulwe ngenkonzo umsasazi

UZOTYWE njengomntu obe- noburharha, ububele nomoya ophakamileyo umsasazi osutywe kukufa weMdantsane FM, uAnelisa DeeQue Zitumane.

Izihlobo, abasasazi bezikhululo zikanomathotholo ezingqonge iMonti, abaphulaphuli kunye nosapho, batsho ngazwinye ukuba ngokwenene kulele igorha nomntu omtsha obesajongise kude ebomini.

UMam’ uVusani, nongomnye wabaphulaphuli besa sikhululo, umchaze uZitumane njengegatyana ebelinothando.

“Behlala ekhwaza, engumntu ohlala efuna ukuncokola. Bendingaphosani nenkqubo yakhe kusasa ngoMgqibelo, phambi kokuba ndiye enkonzweni. Silahlekelwe thina, besiqala ukungalivi ilizwi lakhe kwiveki ephelileyo,” utshilo.

UZitumane, 22, usutywe kukufa ngoMgqibelo (18.06.2016) kanye emva kokuthabatha inxaxheba kugqogqo lwetalente sisikhululo se-SABC iTruFM eMdantsane.

USithembele “S’thera” Thomas, okwaziwa njengoMantofontofo, wayefudula esebenzela isikhululo iMdantsane FM, uthi uZitumane bebhongxile yitalente yezosasazo.

UThomas nobethethela neTruFM, uthe: “Silahlekelwe nathi nguDeeQue siyiTruFM, ebesajongise kude ngetalente benayo kwezosasazo, kwaye ndiqinisekile ebesele ezakungena eSABC kuba nguye owaphumelela i-R2000.00 kwii-Auditions zeTruFM kunyaka ophelileyo.

UThomas uthe, uDeeQue bezixelele ukuba ngokwenene uzakuluphumelela ukhuphiswano lweTruFM kulo nyaka.”

Iimvumi zephondo leMpuma Koloni, imvumi yegospile uMawethu, uButho Vuthela kunye noDumza Maswana, nabo bebezokugxwala emswaneni. nkonzo yomngcwabo, izakuqhutyelwa NU 3 eMdantsane ngomso.