Ukhunjulwe uNjingalwazi Sizwe Satyo

Bezinga ziyancokola zibuzana iintaba, uBangindlala, Khophe neNgoji ngethuba kukhunjulwa uNjingalwazi uSizwe Satyo ekhayeni lakhe eRhoneni kuBangindlala, eCacadu.

UNjingalwazi Satyo ubhubhe ngenyanga yoKwindla kulo nyaka emva kwengulo emfutshane. Ngenxa yemiqathango yesifo seKhorona wangcwatywa kuthotyelwe loo miqathango. USatyo uzalwa ngubawo uThamsanqa Satyo owayengumfundisintsapho ngexesha lakhe.

Imbongi uZolani Qeqe ebonga ecaleni kwengcwaba likaNjingalwazi Sizwe Satyo UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Le Njingalwazi izibalule ngokukodwa ngokubhala, ukukhusela, ukukhulisa nokugcina isidima solwimi lwesiXhosa. Phantsi kweNtaba yeTafile eKapa, uSatyo ulwe walijaja esebenzela ukungena, ukuhlonitshwa nokunikwa ingqalelo kolwimi lwesiXhosa ngeendlela ezahlukeneyo. Oogxa bakhe kwezemfundo bekhokelwe nguNjingalwazi Rose Motenyane balingqinile idabi likaSatyo lokulwela ulwimi lwesiXhosa.

“Ngenxa yakhe namhlanje baninzi abantu abafunda isidanga ngolwimi lwesiXhosa kumgangatho wePhD. Siyakwazi ukuma sithethelele ulwimi lwesiXhosa eUCT kuba yena wanikela ngobomi bakhe esilwela thina,” ugalele watsho uNjingalwazi uMotenyane.

UNjingalwazi uSizwe Satyo ngomnye kwabambalwa ababhale iincwadi zegrama yesiXhosa kweli loMzantsi Afrika. Ngexesha lorhulumente waseTranskei, iincwadi zakhe eziquka incwadi eyayisithi Etshatile Engatshatanga yongeza kwindumasi yakhe.

“Ebengutata, umfundisi, isihlobo neNjingalwazi ebesithembele kuyo, akekho apha kuthi umntu esinokumlinganisa noNjingalwazi uSizwe Satyo,” utshilo uNjingalwazi Motenyane.

Ilitye lesikhumbuzo lale Njingalwazi lityhilwe kunye nelikayise uThamsanqa Satyo, unina uNolusapho (MaNdungwane) Satyo kwakunye nodade boyise uNomalizo Satyo. Egameni losapho lakwaSatyo, uGqirha Nomsa Satyo uthethe engcwenge iinyembezi, ebonakalisa ukungakwamkeli ukushiywa ngumntakwabo.

“Ngomnye unyaka ubhuti ethweswa isidanga, wathetha wathi ubulela umama othile owathi wathenga amazinki kumama wethu ukuze yena akwazi ukufumana eso sidanga, ebeyinto yonke kuthi apha ekhaya ubhuti Sizwe,” kutsho uGqirha Satyo.

UGqirha uNomsa Satyo uthi uNjingalwazi Satyo udlale indima enkulu ukubafundisa ukuba nabo bafumane imfundo. Lo msitho ubufudunyezwe bubukho bezifundiswa eziquka uGqirha Mirriam Ganiso, Gqirha Nompumelelo Kapa, Gqirha Mona Vulindlu, Gqirha Xolani Mavela, Gqirha Zandile Kondowe kunye noGqirha Lubabalo Mrhwebi.

Ilitye lesikhumbuzo likaNjingalwazi Sizwe Satyo ekhayeni lakhe eCacadu UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Ilali yakuBangindlala inesikolo samantombazana esivelise oosaziwayo abaquka isithethi sePalamente kazwelonke eKapa uNosiviwe Mapisa-Nqakula.

UNjingalwazi Sizwe Satyo uzalwa kwisithili esivelise ootshotsh’ entla bababhali abaquka uJames James Ranisi Jolobe, uNjingalwazi Zanemvula Zothwana, uNjingalwazi Mntuwoxolo Kwethana kwanomakhwekhwetha uNjingalwazi uPeter Tshobisa Mtuze nabanye abaninzi.

Imbongi uZolani Qeqe imtyibele, yamkhwaza kwasabela amawa uSatyo, ikhumbula, ikhumbuza, ikwagxwala emswaneni ngokunduluka kweli gorha lokubhalwa kwesiXhosa. Egameni lababhali, abathandi, abafundi nabahlohli bolwimi lwesiXhosa kuye sithi: Mnywabe, Ndondela, Mamali, Nkomozibomvu!