U-Euphonik wenze isingxengxezo kuTwitter emva kweembumbulu neentolo zomlomo azikhuphe ngeCawe. Uthe ucela uxolo kuye wonke umntu amphazamisileyo ngeentetho zakhe azenzileyo kwikhasi lakhe likaTwitter.
U-Euphonik, nogama lokwenene inguThemba Nkosi, ukhuphe konke okusesifubeni sakhe, erhuqa kwaye esoneka uBonang Matheba ongumsasazi kamabonakude nonomathotholo, nowayefudula esisinqandamathe sakhe.
KwiiTweets zakhe ezisixhenxe azondlalileyo, uEuphonik uzobe uBonang njengo “ngaphilanga ngokwasengqondweni, nehenyukazi.”
U-Euphonik uthi, xa ebemfuna kwakhona uQueen B ebenokumfumana iveki ingaphelanga. “NONKE ningakholelwa ukuba wandilahla. Inyani yeyokuba, ukuba bendimfuna uHlanyo kwakhona, iveki ibingenakuphela ndingenaye.”
Uphinde waveza ukuba akananxa ngaku-AKA kuba akamthathelanga nto, kwaye akathabathanga nto okanye mntu amfunayo.
Akaphelelanga apho, * -Euphonik ubange igama likaQueen (abizwa ngalo uBonang) njengelisuka kubudlelwane ababenabo kunye, eloyamanisa nefani yakhe enguNkosi. “Ukuba uyayazi ifani yam, uzakuyazi intsukaphi yegama likaQueen.” Le DJ yomculo weHouse, ayilibalanga ukuqhayisa ngokuba izakuba sisigwili esiphila phakathi kweengcungcu, nezakube inesinqandamathe “esiphilileyo ngokwasengqondweni”.
U-Euphonik kunye noBonang babefudula bethandana, kodwa ubudlelwane babo baphela emva kokuba uBonang wabanga ngelithi le mvumi imxhaphaza ngokumngomba.
Lo mba waya ezinkundleni zamatyala, kodwa waphela uQueen B ewarhoxisa amatyala. UBonang, nokungoku nje othandana nemvumi yeHip-Hop uAKA, ebengekaphenduli kule mibhalo ngokwayizolo ngethuba sisiya kushicilelo lwephephandaba, kwaye no-AKA ebesatye tyum kwelakhe icala.
KwiTweet yakhe yokugqibela, * -Euphonik uyuce wonke umntu ngesona sithukokazi, waze kamva ngenjikalanga yayizolo wabuya wacela uxolo.
Zibonele kwezi Tweets zingezantsi izonyeliso ebezibhalwa ngu-Euphonik ngeCawe:
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup