Ukhuphiswano lokoja isoseji

Libuyile kwakhona ukhuphiswano lakwaShoprite neCheckers lweyona ntshatsheli yokoja isoseji (boerewors).

Amangenelo avuliwe kolu khuphiswano kude kube ngumhla wesibini kweyeSilimela.

Lowo uphumeleleyo uzakuthi azifumanele umgrugra omtsha kraca weToyota Hilux.

Olu khuphiswano luvuleleke nakubani na, kwaye sele kuqaliwe ukungenelwa de kube ngumhla wesibini kwinyanga yeSilimela.

Emveni kokuba kuye kwaveliswa indlela entsha yolu khuphiswano kunyaka ophelileyo, apho uluntu beluye luvotele ezona bazithandayo iiresipi zabaphambili abathathu, kanti neli lalo nyaka ukhuphiswano lunomdla nangakumbi, kwaye lunika ithuba lokuba nabani na azivavanye kulo.

Kulindeleke nemijikelo emithandathu ezakubanjelwa kwiidolophu ezithile ukusukela ngomhla wesibini ukuya kowesithoba.

Kwishumi elinesibhozo kwabo bangeneleyo, abathathu kule misitho bazokuchongwa babenethuba lokugqibela umjikelo wokugqibela eKapa kwiphondo laseNtshona Koloni kumhla wamashumi amabini anesithathu kwinyanga yeKhala. Kulapho ke kuzakube kungamagqibela kankqoyi kuzakukhethwa abathathu abagqwesileyo ngokubanee- resipi ezingcamlisayo.

Ezo zintathu ziphumeleleyo iiresipi zizakufumaneka nasezivenkileni zeli, ukuze abathengi bakwazi ukuzifumana bazisebenzise, kwaye bakwazi nokuvota. Ukuvota bazakuqalisa ngomhla weshumi elinesithoba (19) kweyeThupha ukuya ngomhla wesithoba (9) kwinyanga elandelayo eyoMsintsi.

Ukanti emveni koko kuzakuhlelwa iivoti ezo kukwazi ukukhethwa lowo mnye uye wagqwesa neyakhe iresipi ozokuba yi2016 Championship Boerewors. Ngolo suku izakube ingumhla weshumi elinesihlanu (15) kwakuleyo yoMsintsi.

UJC Smit ojongene nolu khuphiswano eNtshona Koloni ubongoza eluntwini ukuba nobani na ozithembileyo ekuxubeni iiresipi zokwenza iBoerewors nonesakhono sokuyiqala phantis iVosi yakhe uyakhuthazwa, kwaye wamkelekile angenele.

Kumaxabiso azakuthi aphunyelelwe ngulowo ubeyi SA’s Boerewors Champion yiToyota Hilux 2.8 GD-6 Double Cab Raider, ukuthengiswa kwereipi yalowo ugqwesileyo kwiivenkile zeli.

Ukanti nabathathe inxaxheba abangenele kolu khuphiswano bazakuxhanyuliswa ngabakwa Coca-Cola, All Gold kwakunye noSimba.

Iqumrhu leentshatsheli zabaphekayo iSouth African Chefs Association (SACA), izakube ingabo abachongayo kolu khuphiswano.

Uhlobo othi ungenele ngalo kolu khuphiswano wena unomdla ungangenela kulo mnatha ukwazi ukufumana ulwazi oluthe vetshe kwakunye neenkcukacha:
www.championshipboerewors.co.za

Ukanti nakuFacebook ungangena ujonge olu khuphiswano.