Ukhuphiswano lwabafundi kwimibongo

UNolinothi Ntombezinyanya oqhuba nephulo lokuphuhlisa iilwimi. UMFANEKISO: UTHUNYELWE.

Abafundi bezikolo eziphantsi koMasipala oMbaxa iBuffalo City, baza kubanethuba lokuvavanya kwanokuphuhlisa izakhono zabo kwezeelwimi, xa uPheliswa Nonfenu nowaziwa ngeleqonga igama uNtombezinyanya eza kube eqhuba nokhuphiswano lokubhala izincoko ngesiXhosa nangesiNgesi, nolubizwa ngokuba Ziveze Mbongi BCM Competition.

UNonfenu naye okwayimbongi, umbhali kwanomdlali weqonga nokwathe gqolo ukulwela uphuhliso kwanokukhula kweembongi, uza kusebenzisana neSebe lezeMfundo kwanenkampani iMMFAS ngalo mbono.

Uthi injongo ufuna abafundi balazi icandelo lokubhala iincwadi kwaye bazibone ukuba bangakwazi ukubangabhali besengaphakathi esikolweni.

“Ndizama ukubonisa abafundi ukuba ayonto yabantu abasele bephumelele kuphela into yokubangumbhali, kuba isakhono sokubhala kwanokucinga imibongo yinto eqala usemncinci.”

Ndiye ndaphakanyelwa kukuba thina singababhali asijongelwa phezulu. Kwaye ndikwafuna ukukhumbuza uluntu ukubaluleka kwababhali kwakunye neembongi,” utshilo uNonfenu.

Owenkampani iMMFAS, uMkululi Mbani, uthi eli phulo ulithakazelele kuba esithi liza kuphuhlisa abantwana kwizakhono zabo zokuthetha kwanokubhala.

UNtombezinyanya uthi oku akuzukunika ithuba lokugqama komntwana qha, kuza kunika ithuba nesikolo somntwana.

Isebe lezeMfundo lilo elichonge izikolo zabayi30 apho kuza kuthi kuqale kuqhutyekekwe nokukhangela le talente ukusukela ngomhla wesibhozo kwinyanga ezayo.

Olona khuphiswano luza kubanjwa ngenyanga kaCanzibe phambi kokuba kuqale iimviwo zaphakathi enyakeni.

Amabhaso alindelekile kubafundi abaphumeleleyo, ngokokutsho kukaNtombezinyanya.