Ukhuseleko kwabo baqubha elwandle

MINYAKA le ngeli xesha lokuphela konyaka, uluntu neentsapho luya kwiindawo zokuzonwabisa. Enye yezondawo kuselwandle, apho abantu bafika bapholise ingqondo ngokuqubha okanye ukonwaba kufuphi nelwandle.

Ngelishwa ke kolu lonwabo, kubakho izigigaba ezibi ezifana nokurhaxwa elwandle de ubani abhubhe.

Minyaka le kwiilwandle, apho kukho abantu abaninzi, zibakhona izigigaba zokurhaxwa kwabo baqubhayo de ngamanye amaxesha babhubhe.

Iqumrhu likazwelonke lezohlangulo elwandle (National Sea Rescue Institute) likhuphe uthotho lwemigqaliselo yokhuseleko kwabo bazakuzonwabisa elwandle kweli xesha leziyunguma zokuphela konyaka.

Le migqaliselo iquka:

*Qubha apho kukho amagosa (lifeguards) ezohlangulo elwandle: Kubalulekile ukuqubha apho kukho amagosa (lifeguards) ezohlangulo, futhi umamele iingcebiso zawo.

*Qubha phakathi kweeflegi zabahlanguli (lifeguards) baselwandle: Bafundise abantwana ukuba baqubhe phakathi kweeflegi zabahlanguli baselwandle, ukuze babephantsi kweliso labo.

*Sukuqubha elwandle xa usele utywala: Utywala namanzi abuhlangani, sukwenza impazamo yokuqubha xa usele bona.

*Sukuqubha wedwa, yiba nomhlobo ecaleni kwakho: Ukuqubha nomhlobo wakho kwenzela ukuba akhawuleze ufumane uncedo xa ulufuna.

*Yiba kufutshane nabantwana xa bequbha: Abantwana xa bequbha kufuneka babephantsi kweliso lomntu omdala, futhi onesakhono sokuqubha.

*Yiba nolwazi lokuqubisana namaza alatyuzayo: Zifundise izakhono zokuqubisana namaza alatyuzayo elwandle ngokuthi utyelele eli khonkco http://www.nsri.org.za/2017/01/beware-of-rip-currents/