Ukhuseleko olubaxiweyo eQunu, oonogada bajike uSodolophu

Umphathiswa uLindiwe Zulu esangweni eQunu

USodolophu waseOR Tambo uNomakhosazana Meth ujikwe esangweni lakwaNelson Mandela eQunu ngentsasa yangoLwesine, emva kokuba oonogada bemxelele ukuba akekho kuluhlu lwabantu ekufanele bapheleke uMongameli weANC uCyril Ramaphosa kutyelelo lwakhe kweli khaya. 

URamaphosa nesigqeba sakhe batyelele eQunu ngeenjongo zokunika imbeko kusapho lakwaMandela ukuhlakulela imibhiyozo yeANC yeminyaka elikhulu elinesithandathu wasekwayo lo mbutho.
Ngethuba efika uMeth, uxelewe ukuba akekho kuluhlu lwabantu ekufanele bangene ngaphakathi, watsho ekhonjwa kwiholo loluntu. 

Iphinde yayinto enye ngethuba kufika abaphathiswa uFaith Muthambi noJoe Maswanganyi kwakunye nelungu lePalamente uJackson Mthembu, nanjengoko bekungavunywa ukuba bangene. Bancedwe kukuthethelelwa nguMthembu, oxelele oonogada ukuba bangamalungu eNEC yeANC.

Ibengunomji kwakhona ngethuba kufika umphathiswa uLindiwe Zulu, naye oxelelwe ukuba akaziwa. UZulu uncedwe nguJackson Mthembu kungavunywa ukuba angene ngaphakathi.