Ukhuthaza ulutsha ngamathuba engqesho umanejala waseMnquma

UManejala womasipala waseMnquma, uSindile Tantsi, ekunye nabafundi besikolo iSiyanda Primary School, kwakunye noceba uNokuku Dube ngethuba kutyalwa imithi kwaYako eGcuwa

UMANEJALA womasipala uMnquma uSindile Tantsi umemelele ulutsha oluswele
ingqesho ukuba luzisondeze
kulo masipala. UTantsi ebethetha nabahlali bendawo
yamatyotyombe kwaYako eGcuwa, apho bekutyalwa imithi kwisikolo samabanga
aphantsi,
iSiyanda
Primary School
.

 “Abantu abatsha abadinga imisebenzi
mabangakhali bekude mabasondela ukuze babeyinxalenye yokuza nechiza lokulwa
intlupheko,” utshilo uTantsi.
 Uthi umasipala unenkqubo anazo
ezijongene nokuphuhlisa ulutsha kwakunye nosomashishini abasakhasayo
ngokwezakhono ukuze bazisebenzele.

“Sisondeze amaziko ezoqeqesho afana
noWalter Sisulu, King
Hintsa TVET
College
, Nelson Mandela
Metro ngenjongo zokunika ulutsha lwaseMnquma izakhono,” uqhube watsho uTantsi. 
Inkcukacha manani zaseMnquma uthi
zivelisa ukuba uninzi lwabantu abatsha bayeka esikolweni bengekafiki kwibanga
leshumi, nto leyo eyenze basondeze la maziko oqeqesho.

Ukutyala imithi kwisikolo iSiyanda Primary School luphawo oluchazela uluntu
lakwaYako ukuba uphuhliso lusemnyango. 
Obethetha egameni lenqununu
yesikolo, uLindikhaya Golela uthi bachulumance kakhulu kutyalelwa imithi
ngumasipala kwaye unethemba lokuba izakuba lunceda.

“Kwiminyaka ezayo xa ikhulile
lemithi abantwana bazakutsho bakwazi ukuhlala emthunzi kuyo kwaye nomhlaba
akuzubalula ukuba ukhukhuliseke xa kunetha,” utshilo uGolela. 
Ukwathi nomoya awuzubachaphezela xa
uvuthuza ngamandla ngenxa yalemithi kwaye uthi eyonanto imnandi ngalemithi
ayiyo lena inengcambu ezinabayo. 
UMasipala waseMnquma ukwenza oku
ngokuyinxalenye nehlabathi kwikhwelo lokhuthaza uhlaza ekuhlaleni.