Ukrozo bengxangile, benxanelwe ukunxila

Imiqodi ifolele utywala eQuigney eMonti UMFANEKISO: Sithandiwe Velaphi
IBIYIMIQODI ngoMvulo uluntu lufolele ukufikelela kwikoyi yomlungu.


Elowo nalowo ebelangazelela ukufikelela kwikhawuntali, ukuze aqiniseke ngenene ukuba ubufumene utywala.



Bambi bebetshawuza, behlabela amagwijo aqinisekisa ukuba ide yafika le mini kudala ilindiwe – imini yokuvulelwa kotywala.


Njengokuba ilizwe belilindile, neMonti ibinjalo.


Indoda ekwibakala lobufana ixelele I’solezwe lesiXhosa ukuba ivukele kwasekuseni kwindawo ethengisa utywala eQuigney.
 “Uloyiko lwam kukuba mhlawumbi urhulumente angaphinda avale utywala kungekudala, yiyo le nto ndibonile ukuba mandifike kwakusasa.”


Omnye umthengi uviwe leli phephandaba esithi ebekade ebufumana utywala ngaphambili kodwa ngexabiso elivisayo. “Ngoku ingathi sithenga iilekese,” utshilo lo mthengi.


INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane ubhale kuFacebook wakhe esithi “ayikho le”.


“Ikhona into engahambi kakuhle ngotywala kwanathi bantu beli lizwe, abantu kufuneka batshintshe indlela ababusela ngayo utywala. Kubonakala ngathi abantu abaziva iinzingo zezoqoqosho, banemali yezinto ezingengondoqo endaweni yezo zingundoqo,” utshilo uMabuyane.


Kodwa inkokheli yeEFF eMpuma Koloni, uYazini Tetyana, kuFacebook wakhe, uthe: “Kwankqu nabathunywa beANC bakhalela ukrozo lwabafolele utywala. Mxm, ingxolo yenu ayinyanisekanga, (kuba) ngurhulumente wenu ovumele ukuba kuthengiswe utywala,” kubhale uTetyana.