Ukruneke umphefumlo umfundi waseCumakala

USmangele Gelem ebezakuba ngumntwana wokuqala ukuya kufunda eyunivesithi kwilali yakhe ukuba bezimhambele kakuhle izinto kwiYunivesithi iWalter Sisulu.

UGelem (18) welali iGasela eCumakala ukhala esimantshiyane emva kokuba iWSU imxelele ukuba akasenayo indawo yokufunda kule yunivesithi, nangona nje ibimakele kuqala. Kwanqku nengxowa mali kaNSFAS ibisele imamkele uGelem.

Lo mfundi ebephumelele ibanga lakhe leshummi eSiyakholwa High eCumakala ze wafumana isiqinisekiso sokwamkelwa kwibakala lediploma eyunivesithi.

Ufake isicelo sokufundela ezokhenketho (Tourism) eWSU eMonti nekuye kwathiwa sele kugcwele. Iyunivesithi imxelela ukuba sikhona isithuba kwicandelo lezobuntatheli nalapho uGelem engakhange aphozise maseko wafaka isicelo.

UGelem uzokukruneka umphefumlo xa igosa laseWSU limxelele ukuba kugcwele nakwizifundo zobuntatheli ebesencamele kuzo nebekuthiwe zizo ezisenendawo.

Oku uthi ukuqaphele ngosuku apho bekuthiwe bazoyokufota amakhadi esikolo (student card) ukuba indawo akasenayo nakwezo zobuntatheli izifundo xa bekujongwa kuluhlu lwamagama ebexhonyiwe. Uthi igosa liye lamxelela ukuba nalo alinayo enye indlela kuba kugcwele. UGelem uthi isicelo wayesifake kunyaka ophelileyo.

“Bendinenjongo zokuya esikolweni ndivuya ukuba ndizakubaseyunivesithi kodwa ngoku ndakuva ezi ndaba ndivele ndaphelelwa nalithemaba. Enye yezinto ebindinika ithemba kukuba besele ndiwufumene nomyalezo ophuma esikolweni othi ndamkelwe kwisicelo sikaNSFAS,” utshilo uGelem.

Isithethi saseWSU uYonela Tukwayo uthi uGelem akazange ayifumane indawo yokufunda kule yunivesithi. “Wayemenywe ukuba azokuhlolwa kwicandelo lezifundo zobuntatheli nezokuzoba (Fine Art).

“Okwenzekileyo kukuba (uGelem) ufike sele kugcwele ngenxa yabanye abafundi abafaka izicelo ngaphambi kwakhe,” utshilo uTukwayo.

abongile.ginya@inl.co.za