Ukuba semthethweni kolwimi

Ibe ziindaba ezimnandi ke ezi kuthi thina bamele ukulingana kweelwimi nangona oko kungumnqantsa nje ukuba kude kufezeke. Kambe ke ukuba semthethweni kolwimi kukodwa kuthetha lukhulu kwaye kudala amathuba okuphuhliswa kolo lwimi.

Ukuba semthethweni kolwimi kuthetha ukuba urhulumente uthathela kuye uxanduva lokuphuhlisa nokudala amathuba okuba lusetyenziswe kwimicimbi yesirhulumente.

Nangona zonke iilwimi, kubandakanya nezingezizo ezeli lizwe ngemveli, zivumelekile ukuba zisetyenziswe ngabaninizo, azixhamli ngokufanayo kumalungiselelo karhulumente enzelwa ezisemthethweni.

ULwimi lokuThetha ngeZandla loMzantsi Afrika kungekudala, ukuba isiphakamiso sale komiti samkelwe, luza kuxhamla kwaye luza kufumana amalungiselelo axhanyulwa zezinye iilwimi ezisemthethweni ezilishumi elinanye. Oonondaba ke sele bevelise intetha ethi “uLwimi lokuThetha ngeZandla loMzantsi Afrika iza kuba lulwimi olusemthethweni lweshumi elinambini”.

Ndike ndakunqanda ke oku kwenye intlanganiso yolawulo ebesinayo nelinye isebe likarhulumente eMonti, ndisithi akuchanekanga ukuthi olu lulwimi “lulwimi olusemthethweni lweshumi elinambini”.

Asikwazi ukuthi “lolweshumi elinambini” kubeni singenalo olokuqala nolwesibini nolwesithathu, njalo-njalo ke.

Ukuba siza kuthi lolweshumi elinambini masisele sichaza ukuba loluphi olokuqala, iloluphi olweshumi elinanye! Kwaye ukuba sike senjenjalo soba siwuchithile umthetho woMgaqo-siseko othi zonke iilwimi ezisemthethweni ziyalingana, akukho lokuqala kungekho nolukhulu, zonke ziyalingana.

Sisalucalula olu lwimi ukuba sakuthi lolweshumi elinambini, okona kulungileyo kukuthi “lulwimi olusemthethweni”, sime; singalubaluli njengolweshumi elinambini.

Ndiyabazi ke ngokungeva oonondaba! Abaz’ ukuyiguqula le ndlela yabo yokuchaza olu lwimi kanye ngoku sele ichaziwe. Kanti ke le nkcaza ndinika yona yinkcaza yobungcali, asintetho yamalungelo agcwalise ingxowa.

Phofu ke abanakuguqulwa ngunqikilitye ofana nam, bakho abantu bokwenyani abanokumamela kubo, mna ndifana ndibhibhidla nje amazinyo. Mabaqhube ke kambe!

Ndive nabezinye iilwimi ke, ezifana nesiBhaca nesiMpondo nesiHlubi nesiMpondomise, bevela besithi nezabo iilwimi mazibe semthethweni.

Ndithe sele ndifuna ukuthi banomona yile nyhweba ifunyenwe ngabazizithulu ukuba ulwimi lwabo lwenziwe ulwimi olusemthethweni, ndabuya ndazinqanda ngelithi banyanisile kwaye oko bakufunayo baselungelweni lako.

Kodwa ke emasikuqaphele kukuba urhulumente singamhlafunisi umthamo ongaphezu kombiza wakhe, kuba usaxakwe kwaleli thoba walongeza phezu kwesiBhulu nesiNgesi.

Ukongezwa koLwimi lokuThetha ngeZandla loMzantsi Afrika njengolwimi olusemthethweni kube yinto enganako ukuphetshwa nebekumele ukuba kudala yeenzekayo.

Kaloku abazizithulu akukho lwimi lumbi balusebenzisayo, ukanti ke thina bathethayo sizithetha zolishumi. Ibisisiphoso esingena kuxoleleka ukungalenzi ulwimi olusemthethweni olu lwimi ithuba elide kangaka.

Ixesha eli bekucingwa ukuba bathini aba bantu? Bebefaniswa nje nezi mbacu zibaleke iimfazwe emazweni azo zasabela kweli lizwe!

Kambe ke, ngezizathu ezivakalayo, ezi ntlanga zakokwethu nazo zinalo ilungelo lokwenza isiphakamiso ePalamente ukuba iilwimi zethu zibe semthethweni. Kulandelwa iinkqubo ezimiselweyo ukuze ulwimi lube semthethweni njengoko oko kudinga ukuba kuhlonyelwe okanye kuguqulwe uMgaqo-siseko.

Ngako oko masivuyisane nabazizithulu ukuba ulwimi ekuphela kwabalusebenzisayo lwenziwe ulwimi olusemthethweni ukuze nabo baxhamle ngokufanelekileyo njengabemi beli lizwe.

Thina maMpondomise namaMpondo namaHlubi namaBhaca masiqhube nokusebenzisa iilwimi zethu njengoko besihleli sisenza, kunjalo nje sizisebenzise nakwawaphi na amasango karhulumente, sikhululekile njengoko bekuhleli kunjalo. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.