Ukubaluleka kokushiya incwadi yeLifa ekhaya

Nanjengoko iyiveki yokuqaphela ukubaluleka kokushiya incwadi yelifa okanye umyolelo obhaliweyo nowaziwa ngokuba yi ‘Will’ ngelase mzini, amagqwetha abucala kuquka nakarhulumente anikezela ngeenkonzo zasimahla kwabo banqwenela ukuncediswa ekubhaleni le ncwadi.

Oku kuqalwengumbutho wesisa kwezomthetho kweli, iSouth African Law Society, kuMvulo wale veki kwaye kuzakuqhuba de kuphele iveki. Igosa lezonxibelelwano eMpuma Koloni kweliphulo uAbongile Tyopo uthi, oku zinzame zokucutha izinga leemfazwe emakhaya, phakathi kwamalungu osapho xa umzali engakhange ashiye nto ibhalwe phantsi. Uthi leveki lithuba apho amagqwetha abonisa ngokubaluleka kokushiya ilifa elibhaliweyo.

“Amagqwetha ethu anceda kanye abo baqalayo bangazange bayenza le ncwadi ngaphambili, libakwakhona nethuba lokubacebisa mahala abo xa besenza lembalelwano ukunqanda ukuba umntu angashiyi ngxabano ngasemva kusapho.” Utshilo uTyopo

Uthi kubalulekile ukushiya incwadi yomyolelo ngasemva ayiyonto yabamhlophe okanye abatyebileyo kuphela, iquka wonke ubani onento ayishiya ngasemva kumalungu osapho. Injongo kukwahlula impahla ebantwaneni ngokushiyana kwabo ukuze baxhamle bonke. Uthi uyakwazi nokuba wohlule intsimi, imfuyo kuquka nomzi lowo.

“Kwiingxaki esiye sizifumane amaxesha amaninzi ngabantwana abazalwa kunye apho umzali aye abhubhe engakhange ashiyento baphele bexabana ngekhaya labo omnye athi ndim obehlala nalomzali ngoko ke izinto ziza kum.” woleke ngelo uTyopo

Ukanti ugxininise nasebantwini basemakhaya esithi, kubalulekile ukuza ngaphambili mabangayijongii ukuba yinto yabantu abathile into yokushiya isabelo selifa.