Ukubaluleka kweelwimi zesiNtu? Zingaxhaswa?

Siphantse saphoswa yinto apha enkulu ephondweni; phaya eSteve Biko Centre bekubanjwe umnyhadala weencwadi kwaye kubhiyozelwa ukubaluleka kweelwimi zesiNtu neencwadi zesiNtu kuwo.

Iphantse yasiphosa ngokuba isimemo sisifumene sele iqalile ngoMvulo. Usuke ungazi nokuba ezi nkqubo zikumila kunje kusukwe kuvukwe nje ngantsasa ithile kuthiwe ziyenzeka ngoku. Okanye kuchithwa ixesha kucwangciswa kwaye kumenywa abantu kuzo. Asazi.

Siye sathi chu sayokufika ke nathi ngosuku lwalo mnyhadala lwesibini, safika kuthetha utata uNcedile Saule; ebalisa ngendlela awathi waqokelela ngayo izibhalo zikaSEK Mqhayi.

Kwiholo elo bekugcwele iingcali zeelwimi, ababhali beencwadi, abantwana besikolo, amagosa karhulumente kwakunye nezifundiswa zakwiiyunivesithi. Mntu ngamnye uphakame wabalisa elakhe ibali akugqiba wagxininisa ukubaluleka kweelwimi zesiNtu.

KwauMphathiswa wezeNkcubeko nobuGcisa apha ephondweni ugqithise lo myalezo mnye wokuba iilwimi zethu zinendima enkulu eziyidlalayo ekubumbeni isidima sethu. Kudala ke thina siliphepha sawuva lo myalezo.

Ukuba eneneni iilwimi zethu bezixatyisiwe lo nto besinokuyibona ngokuxatyiswa kwamaphepha afana neli lesiXhosa.

Njani ukuba iphepha elipapasha iikopi ezingama30 000 ngeveki nelifundwa ngabantu abangama210 000 ngeveki lingathunyelwa isimemo kwinkqubo enje? Njani ukuba iphepha elifundwa sisigidi sonke sabantu ngenyanga kumnatha wonxibelelwano lingafumani nkxaso iyiyo kuwo wonke amasebe karhulumente azingomba isifuba ngokubaluleka kwesiXhosa?

Kwabo baziyo, amaphephandaba aphila ngeentengiso. Mninzi umntu owakhe wazama ukuziqalela elakhe iphepha lesiXhosa kweli phondo. Baye babethwe kukuba akungeni zintengiso.

Xa ukroba la esiNgesi uyofika bonke oomasipala beli phondo bengxala iintengiso kula esiNgesi angayi nokuya kwezi lali ziphantsi kwabo. Njani?

Sicela urhulumente, ingakumbi oomasipala, bakhe baqale ukuxhasa iilwimi zesiNtu ngezenzo, hayi ngentetho kuphela.