Ukubaluleka kwembali yethu

Ibinzima into yale veki siphuma kuyo. Onke amehlo ebethe ntsho kuNokholeji obebhiyozela iminyaka elikhulu ngoLwesihlanu. Imincili noloyiko lwabaququzeli ibiyinto apha ebinkenteza koonomathotholo namaphephandaba.

Kaloku abafundi bebegrogrisa ngokuyiphazamisa le mibhiyozo yangoLwesihlanu. Bazamile, kodwa bohlulwe lukhuseleko lwamapolisa eDikeni. Asazi nokuba izikhalazo neemfuno zabo zezibonelelo zokutya, iindawo zokuhlala neencwadi zakufezekiswa na. Iindwendwe zimkile ngoku kwaye abantwana baphantse bamenya usapho phambi kwezwe lonke. Bazakohlwaywa na? Asazi. Kodwa singabe sisithi “Halala Nokholeji! Halala!”

Umnqweno wethu ingakukubona le yunivesithi iphucuka mpela, kwaye ziphele nya iingxaki zemali kaNSFAS.

Sijonge lukhulu kuNokholeji; ingakumbi kwicala lophando-sifundo nophuhliso lweDike ngokubanzi.

Idolophana le yaseDikeni inethuba lokuba yidolophu ephucuke mpela. Kukho iLovedale College, kukho iLovedale Press, kuphinde kubekho neYunivesthi iFort Hare. Bekumele ukuba zonke ezi ndawo ziyalungiswa kwaye kucocwe nala dolophana. Asikwazi ukuyeka imbali etyebe kangaka iphelele emoyeni. Umbuzo ekufuneka siwubuze ngowokuba abantu bangazuza ntoni ngembali yaseDikeni? Xa sithetha ngenzuzo sithetha ngemali. Ikhona imali kwimbali? Ewe. Singayiqala ngezokhenketho eDikeni.

Emva koko singene ekutyaleni imali kwiLovedale Press enokuthi ikwazi nokushicilela nayiphi na incwadi yomfundi, ikwazi nokushicilela namaphephandaba neemagazini. Enye yezinto esibona ngathi ayisathethwa kakhulu ngumba wenkolo yobuKrestu kwimfundo nasekuhlaleni eDikeni mandulo. Ingaba isekhona inkcubeko yokulondoloza inkolo phaya?

Asithi mayinyanzelwe, kodwa kufuneka siqaphele ukuba ezi zinto sizama ukuzivuselela zaziphenjelelwa ngoonyawo-ntle mandulo. Thina, siqhutywa yintoni xa sisithi sivuselela ezi ndawo?