Ukubaluleka kwengoma kumaAfrika!

Ukuba kukho into ubani angenakuze akwazi ukuyahlukanisa namaAfrika, noNtu kwanohlanga oluntsundu jikelele, yingoma nomxhentso.

Umculo, ingoma nomdaniso yinxalenye engagungqiyo nengenakuze yahlulwe nobomi bomntu. Njengokuba ezinye izizwe zasentshona zitshila ngokusebenzisa izixhobo nezikrweqe xa zivuma okanye zicula, thina maAfrika, esona sixhobo sitshila ngaso engomeni ngumlomo.

Ithi ukuze ivakale ngcono nangoncuthu ingoma kuthi mzi kaNtu ibe ivunywa ngomlomo. Lakutsho ilizwi laloo mlonji naloo mlonjikazi uzive okanye uzibone undanda emafini, uchukumiseke luvakalelo lovuyo, uvakalelo lothando, uvakalelo lokwaneliseka novakalelo lokuzingca njengomAfrika!

Asingoma kusini na esetyenziswa ekuthuthuzeleni isizwe mhla lagutyungelwa lilifu elimnyama? Asingoma kusini na ehlaba umkhosi kumakroti mhla ngemfazwe namadabi?

Asingoma kusini na enika amakhwenkwe isibindi mhla azityand`igila ngelithi “bawo, boobawokazi, ndifikelele kwilixa lokwandisa inani lamadoda, lilixa lokwaluka ndibe yindoda nomakhi wesizwe sakowethu?” Asingoma kusini na evunywa mhla kuzotywa ii-alimanaki zobomi mhla kwathonjiswa intombazana yekhaya ingeniswa kwinqanaba lobuntombi kwantonjane?

Asingoma kusini na evunywayo kwaNtu mhla kunqulwa uQamata kaTayi, mhla kukhonzwa uThixo uMdali, mhla kucelwa kucanyagushwa nakwiminyanya nakwizihlwele?

Asingoma kusini na eyayamanisa imanye imizi emibini mhla ngobulawu, mhla kwendiselwana? Asingoma kusini na evunywa mhla kugxekwa, kunyenjwa, kunyhashwa iziphatha-mandla eziphatha ngegqudu nangolunya? Asingoma kusini na evunywa ngamagqirha noosiyazi mhla kuvunyiswa, kugeleshelwa okusezayo, kuvunjululwa izibi phakathi komzi, namhla kunyangwa kufakwa umhlabelo, uphuncuka-bemphethe nomhlonyane emzini? Asingoma kusini na evunywa ngokuzolileyo, ngocwangco, kulaliswa iintsana emakhaya?

Apha kowethu kwaXhosa, konwatyiwe, kusempini, kuyangcwatywa kuyathuthuzelwa, kuyaqhankqalazwa, kwakhiwa ubuhlobo, kuyanqulwa, kuyabhiyozwa, kuzo zonke ezi meko, kuthi ukuze kukholiseke kuvunywe ingoma.

Ngenxa yokunambitheka nokuyolisa kwengoma kwaNtu, nkqu nasezityalikeni zenkolo yamaKrestu, ukuba ingoma iyasilela okanye ayivakali, amaAfrika uyakumane uweva esithi awaphili ncam kuloo tyalike.

Ayakuthi ukuze aphile, azive esekhaya, abe achukunyiswa sisingqi nesingqisho sakwantu kuloo maculo aloo tyalike akhonza kuyo. Nango amaXhosa akowethu kwinqugwala elikhulu, nangasethangweni esiya kunqula kwimilowo nakwizinyanya, uyakuweva esithi, “Dadobawo sicel`amandla, dadobawo sicel`imisebenzi.” Nakubhedesho lwenkolo yezibhalo, uninzi lwamaculo aculwa ngesingqi saseAfrika, oku kuvakala kakuhle kwelo culo likabawo uNtsikana elithi “UloThixo omkhulu, ngoseZulwini, unguWena wena khaka lenyaniso.”

Mhla kwaphunyelelwa emisebenzini nakwimfundo enomsila, uya kuweva amaXhosa asekhaya ehlabela esithi, “ndiliyakayaka ndinje nje ngumama”, aleke nangalawo enkolo yamaKrestu ngelithi “wandithatha la, wandibeka la, uJes`unobubele ngam.” Nango amakhwenkwe esiya esuthiwni, ekhatshwa ngabafana namadoda, uve kuvunywa ngamxhelo mnye nangegugu elikhulu, “Somagwaza ndakugwaza ngalo mkhonto, madala la makhwenkwe, axakile kule lali, asiphethe.” Bamane ukungenelela abafana namakhankatha ngelithi, “ubudoda bunzima, uz`ugez`ugez`ugqibelise!”

Kwantonjane kumnandi kukwaMlebese, uya kuyiva loo ntsholo yakwaNtu ivuma isithi, “Nongabe, sontonjane phum`endlini sifun`inyama!” Makwandiselwane ke ngoku uve kubangwa umakoti ngelithi, “umakoti ngowethu, uza- kusiphekela asingqushele.”

Nango eqhankqalaza amaAfrika esithi “Senzeni na, senzeni na sibotshwa nje, sono sethu bubumnyama!” Wathumele empini ke ngoku uweve amakroti asekhaya esithi,

“Niyaboyika na, hayi asiboyiki, siyabafuna njengangoku!” Awaphelelanga apho amaAfrika amaXhos`asekhaya, kundulukiwe umzi uphantsi kwelifu, uweve ecenga ethuthuzela amaXhos`asekhaya esithi, “hamba kahle qhawe, makube njalo, makube njalo, kude kube ngunaphakade!”

Nokuba ubani uyathanda okanye akathandi, umAfrika akanakuze ohlulwe nengoma. Ingoma kwaNtu iyamanya, iyakha, iyaxhobisa, inegalelo nasekufundweni kolwimi nentetho! UNtu yingoma, ingoma nguNtu!