Ukubanemfihlo kwiminyaka yobuchwephesha:

Inyanga yeSilimela, le siphuma kuyo, yinyanga yolutsha, inyanga apho sicinga ngendima eyadlalwa lulutsha luka1976 ekuziseni ulawulo lwentando yesininzi okanye idemokhrasi le esayilwela nzima. Yinyanga apho ulutsha lwanamhlanje luvavanya indima yalo ekwakheni isizwe esinempumelelo yaye esingenalurhwaphilizo.

Kodwa loluphi ucelo-mngeni abantu abatsha abajamele nalo kule nkqubo yentando yesininzi? Ngaba benza ngokwaneleyo ukukhusela intando yesininzi okanye ngaba abanankxalabo kwimicimbi enokuba nefuthe elibi kwixesha elizayo njengorhwaphilizo olwenzakalisa isizwe sethu kungoku nje?

Ngelixa bendibhala eli nqaku ndibone nqaku limbi elinika umdla malunga nendlela abaphathiswa abathathu beeKhabhinethi abafake izikhalazo malunga nokushicilelwa ngokungekho mthethweni konxibelelwano lwabo kuMhloli-Jikelele wezobuNtlola (Inspector-General of Intelligence), uSetlhomamaru Dintwe. Ndiye ndazibuza ukuba inoba bangaphi abantu abaselula abanolwazi malunga neofisi yomhloli-jikelele wezobuntlola kunye negunya analo njengengqwalasela yabemi boMzantsi Afrika kwezobuntlola.

Njengabanye abantu abaselula namhlanje, ndandingenalwazi yaye ndingazikhathalele iinkonzo zobuntlola okanye iinkqubo zokuqwalasela ngaphambi kokuba umhlabi-khwelo uEdward Snowden epapashe iinkcukacha zobuntlola zorhulumente waseMelika ngo2013.

Nangelo xesha ndacinga ukuba oko kwenzeke e-US kwaye akunampembelelo ebomini bam bemihla ngemihla. Ingcinga endandinayo yayingachanekanga.

Iinkqubo zobuntlola kwihlabathi jikelele ziyinyani kwaye zandile nto leyo ethetha ukuba kumele simanyane ekuphakamiseni ulwazi malunga nokusetyenziswa kakubi kwale nkqubo ngoorhulumente, amapolisa ngamanye amaxesha kuquka namashishini abucala njengendlela yokuvala umlomo amazwi aphikisayo emhlabeni jikelele.

Xa usebenzisa amajelo okunxulumana njengeFacebook, iTwitter okanye uthumela umyalezo we-imeyile qiniseka ukuba ukhona othile okukhangeleyo.

Thina njengabemi baseMzantsi Afrika sinelungelo lonxibelelwano lwangasese kwaye nabani na ongathobeli eli lungelo kufuneka ahlangabezane neziphumo.

Icandelo 14 loMgaqosiseko weli lizwe lithi “Wonk’ubani unelungelo lokuba neemfihlo, eliquka ilungelo lokuba- angasetshwa emzimbeni okanye kungasetshwa umzi wakhe; ingasetshwa impahla yakhe; zingathathwa izinto zakhe; okanye zingaphulaphulwa iincoko zakhe nabanye abantu.”

Kule minyaka imbalwa idlulileyo, uninzi lwamatshantliziyo eza ngaphambili ekhalaza ngokuba bayashicilelwa okanye bafotwe ingakumbi xa bekwiintlanganiso zasekuhlaleni okanye kuqhankqalazo.

Ngo2015 kwinyanga kaTshazimpuzi, i-Right2Know Campaign (R2K) yashicilela ingxelo ebizwa ngokuba yiBig Brother Exposed, ebalisa ngamabali amatshantliziyo kunye neenkokheli zasekuhlaleni ezixhatshazwa yiarhente yezobuntlola, okanye abantu abathi basebenzela le arhente.

Le ngxelo ibonisa abantu abaqhelekileyo abalwela iinkonzo ezisisiseko kuluntu lwabo. Kodwa ngenxa yobuqhophololo obugqithiseleyo bajongwa njengabantu abanobungozi ngamagosa karhulumente anobuqhophololo.

Iinkokheli zabafundi ababeyinxenye ye-#FeesMustFall nabo bavakalisa inkxalabo yokuba babekwe ngaphantsi kobuntlola ngexesha lomzabalazo wabo.

Iingxelo ezenziwa ngowayesakuba nguMphathiswa weSebe lezoKhuseleko leLizwe kunye nobungqina obupapashwe kwincwadi kaJacques Pauw iPresident’s Keepers ibonisa ukuba loo marhe ayenobunyani.

Abantu abaqhelekileyo baseMzantsi Afrika baphinde bahlolwe ngokommiselo woNxibelelwano iRegulation of Interception of Communications and Provision of Communications Related Information Act okanye iRICA ngamafutshane. I-RICA ilawula yonke imiba enxulumene nokungena kunye nokubeka iliso uqhagamshelwano ngqo. Okwangoku wonke umntu othenga i-SIM khadi entsha kufuneka abhalise ubunikazi ngaphambi kokuba i-SIM khadi leyo okanye unomyayi wakhe usebenze.

Kunyaka ophelileyo, i-R2K yatyhila ukuba oonomyayi abangaphezu kwamawaka angamashumi asixhenxe (70,000) bashicilelwa ngamagosa okuthotyelwa komthetho esebenzisa umgaqo wezomthetho endaweni yokusebenzisa umthetho weRICA.

IR2K inkqenkqeza phambili ekuboniseni indlela ezobuntlola ezisetyenziswa kakubi ngayo kujoliswe kwiintatheli, abahlabi-khwelo (whistle-blowers), amatshantliziyo kunye namalungu kawonkewonke kuluntu eMzantsi Afrika.

NgoLwesithathu kwiveki ephelileyo iphulo leRight2Know lipapashe enye ingxelo ejongene nokuqwalaselwa kokuhlolwa kweentatheli eMzantsi Afrika.

Le ngxelo yeyakutshanje kuluhlu lwemipapasho ye-R2K ehlola ukuphathwa kakubi kwezobuntlola kweli lizwe.

Eli likhwelo kubantu abatsha ukuba bahlanganyele ekulweni ukuphathwa kakubi kwezobuntlola, asikwazi ukuthula, sinelungelo lokuba neemfihlo.

Ukufumana ulwazi oluthe vetshe okanye ukufuna uluhlu lwemipapasho yangaphambili malunga nokuphathwa kakubi kwezobuntlola tyelela: www.r2k.org.za/publications

*uBusi Mtabane nguMlawuli woNxibelelwano kaZwelonke kwiPhulo leRight2Know.