Ukubhaliswa kweziphaza kwandiswe ukuya kutsho kweyoMdumba 2025

Ukubhaliswa kweziphaza kwandiswe ukuya kutsho kweyoMdumba 2025.

Urhulumente uyandisile inkqubo yokubhaliswa kweziphaza nezinye iindawo ezithengisa ukutya ukuya kutsho ekupheleni kweyoMdumba kunyaka ozayo u2025.

Liphelile ixesha elalimiselwe nguMongameli uCyril Ramaphosa leentsuku ezingama21 lokuba abanini beevenkile beziphaza kuMzantsi Afrika uphela ukuze babhalise amashishini abo – kodwa amawakawaka amashishini asakhasayo akabhaliswanga.

NgoLwesithathu, uMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli (COGTA), uVelenkosini Hlabisa ubhengeze ukuba mkhulu umsebenzi osele wenziwe kwezi ntsuku zingama21 kubhaliswayo, kodwa kusafuneka kuqhutyekwe nomsebenzi.

“KuMzantsi Afrika wonke, amaziko okubhalisa akuma392 kuwo osithoba amaphondo kwaye izicelo eziyi42 915 zifunyenwe phakathi kwe15 kweyeNkanga nayizolo (ngoLwesibini) ukuze ziqwalaselwe ukulungiselela abantu abafake izicelo zokuqhuba iziphaza nezinye iindawo ezithengisa ukutya,” utshilo uHlabisa exelela oonondaba ePitoli.

Kwizicelo ezingama49 915 ,eziyi19 386 zamkelwe. Sithatha oku njengenkqubela enkulu kwisithuba seentsuku ezingama21,” utshilo.

“Ukuqaphela inkqubela phambili yomsebenzi owenziweyo, ngokubonisana noMongameli, urhulumente ugqibe kwelokuba andise ixesha elisikiweyo lokubhalisa zonke iziphaza kunye nezinye iindawo ezithengisa ukutya ukuya kutsho ngomhla wama28 kweyoMdumba 2025.

“Phambi komhla wama28 kweyoMdumba 2025, urhulumente kuzo zonke iinkalo zakhe uza kuqhubeka ephumeza isicwangciso sokuhlangabezana nengxaki yezifo ezibangelwa kukutya kunye norhwebo olungekho mthethweni lwempahla kwilizwe liphela,” utshilo.

UHlabisa uthe ishishini elibhaliswe ngokusemthethweni kusafuneka liqhubeke nenkqubo yokufumana amaphepha-mvume okurhweba.

Urhulumente uye wangenelela emva kokuba abantu abaninzi bebhubhile kuMzantsi wonke ngenxa yezigulo ezibangelwa kukutya.

Abantu ababhubhileyo, uninzi lwabo ingabantwana, kutyholwa ukuba batye ukutya kwiivenkile zeziphaza ezithe zanda ingakumbi kwiilokishi zoMzantsi Afrika.

Ekuqaleni kwale nyanga, uGqirha Daniel Fikreyesus ophuma kumbutho iANGGA, omele abanini beevenkile zamazwe angaphandle, ucele uRamaphosa ukuba andise ixesha elibekiweyo ngeenyanga ezintandathu.

“Ukususela mhla seva ezi ndaba, besizama ukuthumela onke amaxwebhu afunekayo. Besizama ukufumana onke amaxwebhu. Njengoko usazi, linyathelo elihle kakhulu elisuka kuMongameli kunye norhulumente woMzantsi Afrika. Siyayamkela ngenene inkqubo,” utshilo uFikreyesus.

“Kukho izinto ezininzi ekunzima kakhulu ukuba sizifumane, ngakumbi amaxwebhu afunekayo. Uninzi lwazo kunzima ukuzifumana. Ixesha elimiselweyo lifutshane kakhulu, iintsuku ezingama21 zokufumana into ongazange ubenayo. Ishishini kufuneka libekho, abantwana kufuneka bafumane isonka, oomama kufuneka bafumane ezo zinto bazifumana ezivenkileni.”

Uthe ngelixa beqhuba amashishini, abanini beevenkile bayasokola ukufezekisa iimfuno ezintsha ezivela kurhulumente.

Ukubhalisa ishishini, ngokombutho, kuya kunika amalungu awo ukuzithemba ekurhwebeni.

Eli bali liqale lavela kwi-IOL.