Ukubhiyozela iMother’s Day ungenamama

Umfanekiso: Twitter

KWABANINZI uSuku looMama ( Mother’s Day) lusuku lolonwabo kunye noomama babo. Kodwa kwabanye olu suku luzisa iinyembezi ezixutywa ziinkumbulo ezimbi okanye ezimnandi.

Abanye abantu baphulukana noomama beselula, ngelixa abanye bashiywa besebancinane ngoomama babo, bebashiya nabanye abantu okanye kumakhaya akhathalela abantwana. 

Kulo nyaka, iMother’s Day ifika amazwe amaninzi kuquka neli loMzantsi Afrika ekwiLockdown ngenxa yesifo seCovid-19, into ethetha ukuba abanye abantu bakude noomama babo.

Yena uYanga Ziwele ngolu suku unqwenela ukuva ilizwi likamama wakhe owaphulukana naye ngeyoKwindla ku2017. Uthi unqwenela ukumtsalela bancokole.

UYanga uthi xa ekhumbula umama wakhe, owamshiya eminyaka iyi22 ngoko, uye adlale iingoma awayezithanda. 

“Kubakho amaxesha ngathi ndingamfowunela, ingakumbi xa ndiziva ndihluphekile okanye umoya wam uphantsi. Wayewuthanda umculo, kwaye umculo wakhe wawukhethekile, ngoko xa ndimkhumbula ndimamela iingoma ezindikhumbuza yena njengengoma kaDave Koz ethi The Dance, ” kuncokola uYanga.

UYanga akanabantakwe nanjengoko yayinguye yedwa kumama wakhe.

IMother’s Day yalo nyaka ifika xa ezikhotha inxeba emva kokushiywa ngumakazi wakhe, odlale indima enkulu ekumkhuliseni nobekwe kwikhaya lokugqibela ngoLwesihlanu.

“Oku kundihluphile kakhulu, kuvuse amanxeba amaninzi, inxeba lokushiywa ngumama.”

Ukhumbula efumana umnxeba osuka kumalume wakhe ngosuku lokusweleka kukamama wakhe.

“Umalume wandilanda eMonti apho ndandihlala khona weza nam ekhaya eQonce. Usapho lwabika ezi ndaba! Ndandinayo into endixelelayo ukuba umama akasekho kuba wayeneeveki ezimbalwa egula. Andikhumbuli ndazamkela njani iindaba, zange ndithethe, ndasuka ndaphakama ndaya ekhitshini, ndayokusela amanzi.”

Uthi waye walila akuba eyedwa. Uthi okona kwakubuhlungu kakhulu kukuba umama wakhe wamshiya eza kuthwala isidanga.

“Esweleka nje kwakushiyeke inyanga enye ndithwale isidanga sam. Ndandifuna ukumenza azingce ngam. Ndandihlala ndinomnqweno wokwakha ikhaya apho siza kuhlala khona sobabini. Kodwa wandishiya oko kungekenzeki,” kubalisa uYanga, owenze izifundo zobuNtatheli eWSU. 

Uthi umama wakhe wayemhle  kwaye engumntu onomoya ophantsi. 

UYanga uthi abo bashiywe ngoomama kufanele babenabantu bokoyama nokuphokozela intlungu.

” Abantu abakunika ithuba lokubalisa ngentlungu yakho kangangoko kwaye bakuxhase,” utshilo.

Wena uza mkhumbula njani umama wakho ongasekhoyo?