Ukubhuduzela kwizikolo zaseKhayelitsha ngosuku lokuqala

Umfanekiso wesikolo samabanga aphantsi iLuleka eHarare, eKapa.

KAPA: Ibiyi mbundu-mbundu nenzolo kwizikolo zamabanga
aphantsi ezahlukeneyo kwilokishi yaseKhayelitsha ngosuku lokuqala lokufunda.

Ibingumbo nomxesibe ngaphandle kwesikolo samabanga aphantsi
iLuleka eHarare ngabazali nabantwana, beyokufuna iindawo zokufunda.

Yiminyaka eliqela esa sikolo sisibanengxaki yabafundi
abafika ngosuku lokuvulwa kwezikolo beyokufuna indawo yokufunda, nangona
inkqubo yokubhalisa abaqalayo iqhutywa ngonyaka ongaphambili.

 ILuleka sesinye
sezikolo zamabanga aphantsi esikwingingqi yaseHarare kufutshane nengingqi
yamatyotyombe iNdlovini.

Uceba kwaWard 98 uAnele Gabhuza uthi njengoceba wengingqi
undwendwele izikolo ezikula wadi, nalapho adize ukuba abazali bangunobangela
wale ngxaki yaminyaka le.

”Minyaka le iLuleka ibanabazali nabantwana abangafumani
zithuba zakufunda, soloko bevalelwa ngaphandle. Abazali bangunobangela wale ngxaki
kuba  abazi ukuza kubhalisa abantwana
kwangethuba, koko soloko befika ngosuku lokuqala esikolweni kanti kufanele
kufundwe hayi ukuba kubhaliswe.”

Omnye wabazali ebebevalelwe ngaphandle kwesa sikolo uNomsa
Ncitha u

 “Kubuhlungu kum ukuba
ndime apha ndizokufunela umntwana wam, esi sikolo sesona sikufutshane kuthi
kuba sihlala kwalapha eHarare. Unyana wam ubefunda kwisikolo samabanga aphantsi
eKuyasa ngo2016 wafumana ingozi yemoto esiya esikolweni kuba sikude kunathi
kwaye wayengazange afumane apha eLuleka. Umnqweno wam kukuba afunde apha
kufutshane”.

Ukanti kwisikolo samabanga aphantsi iLudwe Ngamlana eKuyasa
bekuzole ngendlela emangalisayo nanjengoko isezinye sezikolo eziqhele ukuba
nengxaki yabazali  nabantwana abayokufuna
indawo yokufunda ngosuku lokuqala lokufunda.

Siye sanodliwano-ndlebe nesekela- nqununu kwesa sikolo
uWiniswa Nkuhlu-Bulawa nodize ukuba lo unyaka bawulungiselele kakhulu
kwakunyaka ophelileyo.

“ Sizame ukuqinisekisa ukuba abazali abanomdla
wokuzakufundisa abantwana babo apha babhalisa kwakunyaka ophelileyo. Liqaqobana
labazali ebebefike ngoMvulo nangoLwesibini bezokufuna indawo kodwa sibaxelele
ukuba sele kugcwele, amagama abo siwabhalile kuluhlu lwabalindileyo kwaye
impendulo bakuyifumana ngoLwesihlanu xa sele siqinisekile ngenani labafundi
abangazokubuya kulo nyaka.”

UNkuhlu-Bulawa uthi kunyaka ophelileyo isebe lezemfundo
layalela ukuba benze uluhlu lwabafundi abahlala kwilokishi yaseZwelitsha
nanjengoko kulindeleke ukuba kwenziwe isikolo kula ngingqi .

“Ngokokwazi  kwam
okwangoku esa sikolo kulindeleke ukuba sisebenze ngomhla wokuqala
kuTshazimpuzi, asizange sixelelwe ke ukuba abo bantwana bazakuthini ukusukela
ngoku ukuya kumhla wokuvulwa kweso,  koko
kwathiwa abazali masibaxelele abanomdla wokufundisa abantwana babo khona
sibhalise uluhlu lwabo.”

Nangona kunjalo, imeko ibizolile kwezinye izikolo ingakumbi
ezamabanga aphakamileyo, ekubonakala ukuba abazali bebesele  bebabhalise kunyaka ophelileyo abantwana
babo.