Kwezi nyanga zintandathu zidlulileyo urhulumente ebethumela imiyalezo ekhuthaza abantu ukuba basebenzise idijithali. Kuyinxalenye yesicwangciso sabo ukucima i-analogu. Oku kuthetha ukuba lonke usasazo lukamabonakude lwe-analogu luya kucinywa kwaye lufuduselwe kumabonakude wedijithali. Nangona kunjalo, nangona umhla usondele, kukho ityala lenkundla eliqhubekayo ukulibazisa ukucima.
Urhulumente uthembisa ukuba umabonakude wedijithali uza kubonelela ngomgangatho wemifanekiso ecacileyo, amajelo osasazo asimahla kunye nazo zonke izikhululo zikanomathotholo zeSABC ezilishumi elinesithoba. Benze isithembiso sokuba abantu abanomvuzo wenyanga ongaphantsi kweR3500 bafanele ukufakelwa idikhowuda yasimahla. Le dikhowuda kuthiwa inokufunyanwa ePosini. Abantu abangakufanelanga ukufumana idikhowuda yasimahla baye bakhuthazwa ukuba bathenge idikhowuda yesathelayithi yeDTH.
KwiNtetho kaMongameli engoBume beSizwe kunyaka ophelileyo, uMongameli Cyril Ramaphosa ubhengeze ukupheliswa kweenkonzo ze-analogu ngomhla we31 kweyoKwindla yalo nyaka. Isebe lithe libonelele ngempumelelo usasazo lwedijithali kumajelo osasazo ukuze iDTT ifudukele eMzantsi Afrika. Isebe lithe lixhasa amakhaya angathathi ntweni ukuba afuduke kwi-analogu aye kwidijithali.
Esona sizathu siphambili sokufudukela kwidijithali kusasazo sisidingo sokukhulula i-frequency spectrum. Urhulumente uthe ukukhutshwa kwespectrum kuya kuphucula kakhulu uqhagamshelwano eMzantsi Afrika kwaye kukhuthaze ukufakwa kwedijithali kwimisebenzi yezoqoqosho.
Nangona kunjalo, iMedia Monitoring Africa kunye neSOS Support Public Broadcasting Coalition ngoku basenkundleni bacela umngeni kwisigqibo sikaMphathiswa wezoNxibelelwano nobuChwepheshe beDijithali, uKhumbudzo Ntshavheni sokucinywa kosasazo lwe-analogu. Imibutho ithe ukungxamela ukucima i-analogu ngomhla omtsha obekiweyo kuya kushiya ngasemva izigidi zamakhaya, apho ngaphezulu kwesiqingatha sawo asweleyo.
Umbutho obizwa ngokuba yi #SaveFreeTV ukwacele uMphathiswa ukuba alibazise esi sigqibo esithi malunga nezigidi ezilishumi elinesine zamakhaya aza kucinywa kumabonakude asimahla. Kwisiteyitimenti, i#SaveFreeTV ithe, “Wonke umntu eMzantsi Afrika ongenazixhobo zikamabonakude zedijithali okanye inkonzo yesathelayithi uya kuphulukana nokufikelela kumthombo obalulekileyo weendaba, ulwazi kunye nolonwabo.” Baqhubeke bathi “Izigidi zabona bahluphekayo nabahlelelekileyo baya kukhutshelwa ngaphandle kwidemokhrasi yethu kunye nokufikelela kumalungelo abo asisiseko.”
Njengoko umhla obekiweyo ungomhla wamashumi amathathu ananye kule nyanga, abantu babambe umphefumlo belinde ukubona ukuba urhulumente uza kulandela kusini na ukuphelisa ukubukela kumabonakude ye-analogu.
Iphuncule amanqaku amathathu iChippa United emdlalweni obuseMonti!