Ukudla kunegama kwaXhosa

AmaXhosa ngamanene, nangona enawo ke namanxele. Umntu ufunda into entsha yonke lemihla kuwo. Ezinye zezinto aza nazo nazivelisayo zidala imbuzwano nangona ngeli xa ezinye zinika umdla.

Kwezinye zezinto ezininzi ezinokubalulwa kukuba amaXhosa alithiyile idlakudla nesinyolu-nyolu, kuthiwa ngamaxelegu lawo. Kodwa nangona kunjalo amaXhosa aneendlela zawo zobudlakudla nobunyolu-nyolu, koko zicwangciswa ngesihombo ngamanene.

UmXhosa akasondeli esithebeni angasaziyo intsusa nesizathu saso, akukhathaliseki nokuba ulambe kangakanani na. Xa ubeka isithebe phambi komXhosa uyamxelela ukuba sesani na, nokuba akukho sici.

Ukuba ubeka isitya somvubo uyandixelela ukuba “usifikele ngendlala Ngcengane, kome nawabantwana, kodwa ngawufane urhuxuluze apho ukwasula nje umlomo mntwan’enkosi.” Awunakuthi ntimfa isitya phambi kwam ungabi nalizwi ngathi ufunza inja esisithulu, ndakuhlala ndilinde undikhulule.

Zininzi ke izici zokwenza ukudla kwaXhosa, endibonayo ke ukuba kuswantsuliswana nendlala, amaXhosa ondle iindwadunge neembedlenge zawo.

Ukuba kucetywa umcimbi, abantu bahle balungise izisu nemiqala, bekwazi abaza kukuginya ngeso sici. Xa kungekho zisusa kuba sisithukuthezi nendlala ekuhlaleni, kube sisizungu.

Amajoyini ahlala ecwangcisa kwasentloko enyakeni ukuba aza kwenza sici sini na ekupheleni konyaka.

Zithiywa amagama ngamagama ke izisusa; aziwayo nangaziwayo, amatsha namadala. Esisuseni apho kukwakho izinto ezongezelelwayo ezibizwayo nezikhutshwayo, kwande ukudla kuthi hli!

Ixesha eli ke bendihlala ndizibuza ukuba zizinto ezivela phi ezi zingaka zenziwa ngabantu. Kuleyo nkxalabo ndizikhulule ngokuse ndifikelwe yingcamango yokuba uninzi lwezi zinto ziindlela njee zokwenzela abantu ukudla; zizibele ke ngoko.

Umzekelo, ndinesidlo endisandula kusiva kweliya lakuthi ekuthiwa ngumbamba-nkomo nesiyibhotile yotywala bomlungu ekhutshwa egameni labafana emva kwemibengo ngosuku lokuwa kwenkomo.

Ndithe ukuze ndiqonde ukuba akukho nto iyile koko licebo nje lokuzandisela ukudla, ndeva ubizwa kuwiswe impahla emfutshane, namaxhego angakwazi kubamba nkomo asondela. Maqhinga ndiyeke!

Amanye wamagama ezi zidlo akahambelani nenkcubeko yamaXhosa.

Umzekelo, esiXhoseni akagxothwa umntu. Kwakurhatyela kucingwa ngendlela aza kulaliswa ngayo. Alugxothwa undwendwe. Kodwa amaXhosa anesidlo ekuthiwa “ngumthatha-nduku” okanye “ingxotha”. Ndixakwe ke ukuba yinto ayithatha phi na leyo engagxothwa nje umntu esiXhoseni.

Wofika abantu bekufuna “ihambidlani”. Uxakwe ke kuba negama liyayixela ukuba yinto obuhamba uyidla le ufunwa yona, kucingwa ukuba iphi ke ngoku uyidle endleleni nje!

Ngendisithi mhlawumbi kufunwa intsalela yayo nokuba ngamathambo asele esityeni sendlela, kodwa ndise ndibone kufunwa okanye kukhutshwa into esapheleleyo, ndiqonde ukuba asiyiyo ke le ihamb’idlani koko yinto ephathelwe aba bantu.

Mhlawumbi ke ibizwa ngehambidlani nje kukuba akunyanzelekanga ubaphathele nto abantu oya kubo, kodwa apha endleleni uyalamba ze kunyanzeleke ukuba ube nento oza kuhamba uyidla, kutsho kuvele le hamb’idlani ke ngoku. Maqhinga ndiyeke!

Ezinye zezidlo zibonelwe ezintlangeni ezichasiweyo. Abantu banezidlo ekuthiwa yimpungo (iti) nangona ungasoze ubone ketile nje.

Kwezinye kuthiwa “kuphiwa abantu abadala ukudla”, kodwa use ufike kuzele nabatsha – mhlawumbi ke bona sukube bezorhala!

Zininzi izidlo ezenziwa ngamaXhosa nendingena kuzigqiba khe ndafuna ukuzibala zonke ngazinye.

Okuyintloko kukuba emaXhoseni indlala yasulele, asinto yamaXhosa. Ukudla esiXhoseni kuhlala kuthe hli!

Kazi ngoobani na ke amadlakudla nezinyolu-nyolu xa ingengawo maXhosa ngokwawo? Goba msenge iibhokhwe zikudle!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba