Ukudlwengulwa komntwana oneminyaka esixhenxe kwenze balumka abahlali baseMfuleni!

EKAPA: ABAHLALI baseMfuleni bacela nabani onomkhondo onokukhokelela ekubanjweni kwalowo udlwengule intwazana eneminyaka esixhenxe ukuba eze ngaphambili ukuze kubanjwe umrhanelwa.

Ngokutsho kwamapolisa, lo mntwana waxhwilwa ngulo mrhanelwa malunga necala emva kwentsimbi yesixhenxe kusasa esiya esikolweni ngelixa wayehamba kwisitalato saseNqilo.

Usihlalo wamapolisa okuhlala eMfuleni, uBongani Tyembile, ukhuthaze abahlali ukuba bazibandakanye neNeighbourhood Watch ukuze kuthintelwe iziganeko ezilolu hlobo.

“Ayemaninzi amavolontiya kwiNeighbourhood Watch kuqala, kodwa bathi besakuva ukuba abanye bafumana uchintsi kwezinye iindawo bayeka. Zazingenzeki izinto ezifana nale ngoko. Awafuneki ekuhlaleni amadoda afana nale yenze eli sikizi,” utshilo.

UTyembile ubongoze abahlali ukuba bangathatheli umthetho ezandleni zabo. “Ukuba bakhe bambona lo mrhanelwa, kufuneka baxelele amapolisa kwangoko.”

UNosimo Gila ongumhlali wale ngingqi, uthe kungoku nje boyikisela ubomi babantwana babo. “Xa umntu enesibindi sokuxhwila usana kuhamba abantu phandle, kuza kubekela phi xa kumnyama. Kusebusika ngoku litshona msinyane ilanga. Lonto ithetha ukuba bazakuba zizisulu abantwana bethu. Singabanye asinabo nabantu bokubakhapha ngoba siphangela sonke kwezinye izindlu,” utshilo.

Isithethi samapolisa uNoloyiso Rwexana uthe: “Le ndoda yamxhwila yaze yamrhuqela ethafeni lo mntwana apho yamdlwengulela khona. Lo mrhanelwa wabuya naye sele elila lo mntwana. Wathi xa ebuzwa ngabahlali ukuba ukhalela ntoni umntwana wathi akafuni ukuya esikolweni.  Omnye umhlali waye wamisa imoto esakuqaphela ukuba akonwabanga umntwana. Kulapho wabaleka khona umrhanelwa waze wasiwa kwisikhululo samapolisa umntwana,” utshilo.

Onolwazi ngesi siganeko uyacelwa ukuba afowunele umcuphi ophanda eli tyala uTino Plaatjies ku 082 234 1725 okanye 082 522 1047.