Ukudlwengulwa kwabantwana

Indoda eneminyaka engamashumi amabini ilandela umntwanana oyintombazana eyokungena kwigumbi langasese kwindawo yokutya eyaziwa njengeDros.

Mzuzwana mzuzwana umama womntana azibuze ukuba kutheni angade abuye umntana. Ahambe ayokukroba. Xa efika, ufika ave ugushugushu kwicala lamadoda ave nomntana wakhe.

Xa evula, nantsi indoda izenzela emntaneni wakhe. Ndoda leyo imbethe ngebhanti umama lo, imtyhalele kude. Kufike abasebenzi bakwaDros bezo kunceda, bambi bayikhusele indoda igxigxa igazi lalo mntana. Bobabini basiwe esibhedlele.

Umntana lo uneminyaka esixhenxe qha. Inoba bekuqhubeka ntoni phaya kwintloko yakhe? Imihla nezolo sidibana neendaba zokudlwengulwa kwabantwana nokudlwengulwa kwamaxhegwazana.

Ababenzi bobububi baqhutywa yintoni? Awukwazi ukujonga umntana omncinci usogqiba ube neenkanuko zokumlala.

Ngoko ke kufuneka sizibuze ukuba konakele phi? Maxa wambi sikhe sive kusithiwa abanye bayenzela ukuzinyanga okanye ukukhupha ingculaza egazini labo.

Ayikho lo nto. Abantu abaphilanga qha ke kwaye kufuneka sibakhusele abantwana bethu ngandlela zonke ngoku.

Umntana ukhula enjani xa ethe wagqitha kwizinto ezinje ebomini bakhe? Akaphazamiseki? Ndlela le konakele ngayo sele kuxhaphake neengxelo ezithi ootitshala ezikolweni nabo bayazenzela ebantwaneni bezikolo.

Cinga ke abo bantu bafundileyo, bakhangeleka benesidima ekuhlaleni, kanti behleli nje bacingana neendlela zokulala abantwana.

Phofu masingathi ‘kukulala abantwana’ masithi kukudlwengula abantwana. Iingcinga ezinje zisuka phi? Umntu uyakufika enomfazi endlini kodwa abe esenzana la manyala ecaleni.

Ingxaki yethu kweli lizwe laseMzantsi yeyokuba asifuni ukuhlala phantsi sikhe sizigocagoce, sizibuze imibuzo ngobume beengqondo zethu; ingakumbi kwizwe eliphuma kwimbali embi njengeyethu.

Akunakuba sonke saphuma siphilile kula nto. Abanye abantu babuye bezizilwanyana, buqhuqheke bonke ubuntu kwaye lo nto bayosulela ebantwaneni babo. Inqandwa njani into enje?